Bayakhalaza abazali ngesinxibo sootitshala ezikolweni

Ngu Buziwe Nocuze

Bayakhalaza abazali babafundi kwizikolo zephondo leNtshona Koloni, bathi ootitshala banxiba ngendlela engafanelekanhq kangangokuba abantwana babo abasakwazi nokunika ingqalelo izifundo zabo. 

Kodwa ootitshala bayafunga ukuba basezoqhubeka banxibe ngoluhlobo ezikolweni. 

Omnye wotitshala ocele ukuba angadizwa, ukholelwa ukuba abazali bayabaxhaphaza bezititshala. 

“Batsibe ilitye likaphungela ngoku. Izinto esizinxiba esikolweni azinanto yokwenza nabo. Abafundi abakhalaza kubazali babo ngempahla ezinxitywa ngootitshala esikolweni kufuneka, bajongane nezifundo zabo. 

“Abafundi abasihloniphi ngenxa yezinto abazincokola nabazali babo,” utshilo lotitshala. 

“Asikwazi ukundlandlathekiswa oluhlobo. Kwaye abantwana babo kufuneka bayeke ukuqwalasela izinto esizinxibayo; kufuneka bahoye izifundo zabo.”

Lo titshala uthe banganganxibi ngathi baya ecaweni, kodwa banxiba ifashoni enxitywayo kwixesha langoku. 

“Sisebatsha kwaye silandela ifashoni, kodwa oku akuthethi ukuba sinxiba iishoti nezikeyiti esikolweni; siyawuhlonipha umsebenzi wethu,” wongezile lotitshala. 

Omnye wabazali uZiphozethu Dodwana ungqinelana nootitshala. 

“Asikwazi ukulawula indlela abanxiba ngayo ootitshala,” utshilo uDodwana. 

“Ootitshala kufuneka banxibe into abafuna ukuyinxiba balibale ngeendlobongela; basebenza nzima esikolweni ukuqinisekisa ukuba bakulendawo bakuyo namhlanje.”

Omnye wabazali uAndile Plaatjie uyaphikisana noluluvo. Uthi akasoze axhase ootitshala abanxiba iijini ezibabambayo esikolweni. 

“Iijini zibonakalisa imizimba yabo. Lonto iyodwa iyabaphazamisa abantwana bethu,” utshilo. 

Kunjalo nke ufuna isebe lezemfundo libenedlela emiselwayo yokunxiba kootitshala. 

Isithethi sesebe lezemfundo kwiphondo leNtshona Kapa uMillicent Merton uthe, okwangoku akukho ndlela ibekiwe kuzwelonke okanye kwiphondo ekufuneka banxibe ngayo ootitshala. 

“Iqumrhu elilawula ukuziphatha kootitsha iSouth African Council for Educators’ lithi utishala kufuneka aziphathe ngendlela efanelekileyo ukuze indlela enza ngayo izinto ingahlazisi umsebenzi wokufundisa,” utshilo uMerton. 

ULulu Menziwa akayotitshala kuphela, kodwa ungusomashishini ophinde akhuthaze impilo engcono. Ubuhle nokuqhakaza kwendlela anxiba ngayo kumenze ukuba achazwe “njegoyena titshala unomtsalane eMzantsi Afrika”.

Umfanekiso ongasentla: ULulu Menziwa utitsha abafundi abakonwabelayo ukufunda 

Imveliphi yomfanekiso: @AdvoBarryRoux