Azivumelekanga iiDrones ukubhabha ngaphezu kwepalamente ngaphambi kweSONA

Ngu Zukile Majova

Umkhosi wokhuseleko awudlali: Ukuba uyayithanda idrone yakho, ungakhe ulinge uyibhabhise ngaphezu “kwesakhiwo sepalamente yeli”. 

Kumgama ongangeekhilomitha ezintathu ukusuka kwiholo yesixeko saseKapa akuvumelekanga ubhabhisa iidrone ngoLwesine ( nezinye iintsuku ngalenyanga yoMdumba ngelixa umongameli uCyril Ramaphosa eseKapa).

Oku kubangelwa kukuba ngobabusuku, umongameli uzakube esothula intetho emalunga nobume belizwe. 

UBrigadier Athlenda Mathe oyinxalenye yeNational Joint Operation kunye nesigqeba sokhuseleko uthi lemiqathango yokuthintela izinto ezibhabha ngaphezu kwepalamente izakuqhuba nangexesha lengxoxo mpikiswano yasePalamente, kunye nangexesha umongameli ezakube eqhuba iseshoni yokunika iimpendulo ekulindeleke ukuba iqhube ukusukela ngomhla weshumi elinesine ukuya kumhla weshumi elinesithandathu kulenyanga yoMdumba. 

Ukanti lemiqathango izakuphinde isebenze nangexesha lokothulwa kwentetho yohlahlo lwabiwo mali ngomhla wamashumi amabini anesibini kulenyenga yoMdumba,

“Ngokunxulumene nokhuselelo lwezophapho, isilumkiso sithunyelwe kubo bonke abasebenzi kwezo phapho uthunyelwa liqumrhu iCivil Aviation Authority enqumamisa ukusetyenziswa kwalomgama ukusukela ngentsimbi yokuqala emalanga ukuya ezinzulwini zobusuku,” itshilo imbalelwano. 

“Ngumkhosi wokhuseleko weli kuphela ozakube unelungelo lokusebenzisa lomgama ngokukhulekileyo ngelixesha. Kodwa qaphela ukuba lo ngummandla okungavumelekanga ukuba kubhabhe iidrones kuwo. 

Iidrones zelixesha zaziwa ngokusetyenziswa ukumamela iindaba  okanye ukuceba nokuphumelelisa iyelenqe lokuhlasela kunye nokudlulisa izixhobo eziyingozi eluntwini. 

Ngelixa eli lonke lizakube lisilwa nenkqubo kacimicimi wombane kwisigaba sesithathu nesesine, kuzakube kungekho kwalonkqubo ka cimicimi wombane epalamente. 

Usekela nobhala wasePalamente uXolile George uthe: “Njengenxalenye yothethathethwano nesixeko nentsebenziswano noEskom, kuzakuthathwa imiqathango yokuqinisekisa ukuba awucinywa umbane ngethuba lokwethulwa kwentetho yeSona epalamente , kuquka nezakhiwo ezisebenzisana nepalamente.

“Lo ngumsebenzi oqhubayo, kuquka nendlela ezizezinye zokuqubisana nokucima kombane okunokuphazamisa intetho emalunga nobume belizwe.”

Ebengenalwazi lokuba intetho yeSONA kunye nemicimbi erhangqe lentetho izakutyabula abarhafi imali engakanani, kodwa kuqikelelwa imali efikelele kwiibhiliyoni ezisibhozo zeeRandi.