Usutywe kukufa emva kwengulo ende uJohn Moeti owayenguKapteni weOrlando Pirates 

Ngu Thathe Msimango

Ulandulele eli uJohn Moeti owayesakuba ngumdlali wasesiswini kwiqela leOrlando Pirates kunye ne Bafana Bafana, emva kwengulo ethathe iinyanga ezisibhozo.  

Ube fumana umnyango lwempilo olukhethekileyo kwiingcali. 

UMoeti ebenesakhono esiqaqambileyo kwibhola ekhatywayo esamenza waphumelela indebe yeCAF Champions League ngonyaka ka1995 neqela lakhe iOrlando Pirates, kwaye wayeyinxalenye yeqela leBafana Bafana elathatha indebe yeAfrican Cup ofNations ngonyaka ka1996.   

Usapho lwakhe luqinisekisile ukuba uswelekele ekhayeni lakhe ngentseni yangoMvulo, eneminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu. 

“Sikuthetha oku sindandathekile kwaye kuyilahleko kuthi ukunazisa ngokusweleka kukaJohn ‘Dungi’ Moeti,” itshilo imbalelwano ekhutshwe lusapho lwakhe. 

“Ubiwe kukufa engqongwe lusapho lwakhe kunye nabahlobo ebebemthandazela. Sibulela ngokungazenzisiyo ngemithandazo yenu kunye nenkxaso engagungqiyo.”

Usapho lucele ukuba lunikwe ixesha labucala ngelixesha lobunzima bokulahlekelwa, kwaye luthe iinkcukacha zomngcwabo zizakubhengezwa ekuhambeni kwexesha. 

Omnye wabantu ababedlala no Moeti kwiqela lePirates uGavin Lane uthe, kumothusile ukuva ukuba uMoeti akasekho. 

“Ndiyaqala ukuva ezindaba. Kudala ndagqibela ukuthetha naye kwaye indaba ezimbi ezi,” utshilo. 

“Wayengumdlali ogqwesileyo. Wayedlala kakhulu, eyinkokheli elungileyo ebaleni nangaphandle kwebala. Wayengu Kapteni wam iminyaka emininzi.”

Uthe uMoeti wayengumntu olungileyo onobuntu ngaphandle kwebala lemidlalo. 

“Indoda elungileyo, enentliziyo entle. Sasinamaxesha aliqela okonwaba sisadlala sonke kwiqela lePirates. Kunzima ukukholelwa ukuba soze ndiphinde ndimbone. Wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo.”

Umfanekiso ongasentla: UJohn Moeti

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe