Umboniso bhanya bhanya omtsha waseThekwini uxhaswe nguMatshonisa!

Ngu Linda Ximba

Umvelisi womboniso bhanya bhanya omtsha waseThekwini othi Taxi Bosses ungqinile ukuba lomboniso wonyulwe ematyaleni nguMatshonisa kuba ubusele untywila ezikweletini. 

Ngethuba kuphehlelelwa lomboniso bhanyabhanya eStable Theatre ngempelaveki, umnikazi womzimveliso iShelembe Aphiwe Productions uNhlanhla Shelembe uthe lemveliso imshiye nentloko eqaqambayo ngenxa yetyala angene kulo. 

“Bendisebenzisana nenkampani yemveliso iXD Productions kulomsebenzi. Ukwenza lemveliso bekungekho lula kuba khange ndicinge ukuba iindleko zizakonyuka oluhlobo,” utshilo. 

“Ndichithe imali efikelele kumakhulu amahlanu eeRandi, kodwa ngentlahla ndacela uncedo komnye wabahlobo bam owawuthandayo umbono wam wokunikezela eluntwini, ngokuvula iqonga lolutsha ukuba lubonakalise italente yalo. Ndinethemba lokuba ababalinganiswa batsha bazakulisebenzisa elithuba bakhulise izakhono zabo,” utshilo uShelembe. 

Lo mbonisu ubeka elubala impilo ephilwa ngabantu abasebenza kwicandelo lezothutho lika wonke wonke kunye notshintsho olukhoyo kwelicandelo, kunye nokufa okubakhona kusapho olungavisisaniyo lusebenza kwelicadelo.  

Nangona lomboniso ubushicilelwa ngemali enqongopheleyo, ukwazile ukubandakanya abalinganiswa abaziwayo abafana noBhekisizwe Mahlawe, odlala indima ka Gqr Calvin Gumede kumboniso odlala ku e.tv iDurban Gen, umlinganiswa owayedlala kumboniso Uzalo okwicandelo lolonwabo uSiyabonga Radebe kunye nomlinganiswa owayedlala kwi’Isibaya uAndile Mxakaza. 

UNdumiso Dlamini owayedlala indawo kaThemba kumboniso iFamily Bonds kwiminyaka eyadlulayo, nayo uyinxalenye yalomboniso bhanya bhanya.

UNozipho Cele kunye noLerato Mbhele babonakalise isakhono esiqaqambileyo kumdlalo wabo wokuqala bengabalunganiswa. 

Inkampani iWord of Mouth kunye nomvelisi womboniso odlala kuMzantsi Magic ethi Umkhokha uMandla ka Nozulu, kunye nomnye wabaphathi be Inanda FM uMapule Mchunu bebekhona kuphehlelelo lwalomboniso beze kunika inkxaso. 

Umfanekiso Ongasentla: Ukusuka ekhohlo: NguBhekisizwe Mahlawe, uSiya Radebe, uRay Mkhize, uXolani Dlamini, uLerato Mbhele, uNhlanhla Shelembe kunye noNdumiso Dlamini

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe