
Ngu Everson Luhanga
Oonogada beemoto abane abatyholwa ngokuba izibane zeemoto kwindawo yentselo bathunjwa, bangxalwa ebhuthini yemoto basiwa ethafeni apho bafika bangcungcuthekiswa ngamadoda amahlanu.
Amaxhoba amabini aswelekela kwindawo yexhwayelo.
NgoLwesine, amapolisa abambe umrhanelwa omnye ngokunxulumene nesisiganeko, esenzeka ngomhla wamashumi amabini anesibini kwinyanga yoMqungu.
Umrhanelwa obanjiweyo uxelenga njengotitshala kwaye uphume efakwe amakhamandela kwisikolo axelenga kuso eSoweto.
Imithombo ethembekileyo, ixelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba abarhanelwa abane kungenzeka babanjwe ngokukhawuleza, kwaye bangootitshala bonke.
Onogada ababini baswelekela kwindawo yexhwayelo, ngelixa ababini basindayo bakwazi ukubalisa ibali labo lokungcungcuthekiswa.
Iqonga leendaba iScrolla.Africa lithethe nomzali welinye ixhoba.
UMfanafuthi Mbanjwa ubulawelwe unyana wakhe uTshidiso Ramotlo, uthe unyana wakhe ubengelosela, kodwa ubulewe njenge sela emva kokuba ebethwe ngamatye emva koko wadutyulwa.
“Uxulutywe ngamatye wade wasweleka njenge sela. Ukanti ubenayo nembumbulu entloko,” utshilo.
Uthe: “La madoda ambethileyo ebengenabo ubungqina bokuba uTshidiso nabahlobo bakhe bazibile nyani izibane zemoto.
Uthe bathathwa bafakwa ebhuthini yemoto nasezitulweni zangasemva. Abarhanelwa baqale bahamba nabo besiya kutha amafutha ngaphambi kokuba baye nabo ethafeni apho bangcungcuthekiselwe khona.
“Babathatha babasa ethafeni, bafika bawalahla apho omathathu amaxhoba, becingela ukuba bonke baswelekile.”
Kodwa uMfanafuthi uthe abarhanelwa balibala ukuba elinye ixhoba likwimoto yabo, baqhuba bagoduka nexhoba elihleli ebhuthini. “kodwa emva kwexesha bakhumbula bamthatha bambuyisela pho balahle khona namanye amathathu.”
Amapolisa afumanisa imizimba ngentseni emva kwesisiganeko,
Omnye wotitsha owabanjelwa emsebenzini ngoLwesine ebevele phambi kwenkundla kamantyi eOrlando ngoMvulo. Ityala lakhe lirhoxiselwe uLwesihlanu ukuze afake isicelo sebheyile ngokusesikweni.
Umfanekiso ongasentla: Inkundla kamantyi eOrlando
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaFacebook