Inyikima enkulu itshabalalise eTurkey naseSiriya


Kubhubhe abantu abangaphezu kwamawaka amabini namakhulu amathathu kwinyikima enobukhulu obulinganiselwa kwiimitha ezingu7.8 ehlasele ilizwe laseTurkey naseSyria ngentseni yanamhlanje. 

Amalungu eentsapho, abasebenzi beenkonzo zoncedo olukhawulezayo, amajoni kunye nabasebenzi abancedisa ngaphandle kwembuyekezo ngexesha lentlekele bebesebenza imini yonke bezama ukusindisa abantu abavaleleke kwinkukuma ebangelwe. 

Usuku lonke oko lithe gqolo ukonyuka inani labantu abaphulukana nobomi babo, kwaye kulindeleke ukuba linyuke njengoko lenyikima iyeyona inkulu kwiziganeko zentlekele yemveli kwiminyaka yakutsha nje.

Isiganeko sokuqala salenyikima sihlasele ezinzulwini zobusuku – malunga nentsimbi yesine ekuseni ngokwexesha lasekuhlaleni – kwaye iingxelo zithi sivakele kwimimandla yaseLebanon, eGreece, eIsrael, eCyprus kunye nase Iraq.

Ibizinze kumbindi ophakathi komda womzantsi-mpuma waseTurkey neSyria, nalapho ubugoxo bayo ibulahlele kwizixeko ezinkulu zaseTurkey zaseGaziantep nase Adana. 

Kwiiyure ezimbalwa emva kweyokuqala, esinye isithonga senyikima ebesinamandla  sitshabalalise amakhulu khulu ezakhiwo.

Zingaphezu kwamawaka amabini namakhulu asibhozo izakhiwo eziwileyo, kwaye abantu abaninzi basavaleleke ngaphantsi kobugoxo balenyikima. 

Amanye amazwe ehlabathi, namaqumrhu abucala sele eqinisekisile ukuba athumele abasebenzi basimahla, kunye neenkonzo zoncedo lokuqala kuwo omabini lamazwe iTurkey kunye neSyria, njengoko lisiya lincipha ixesha lokusindisa abantu abavalelekileyo. 

Iqela lebhola ekhatywayo iNewcastle United ibhengeze ukuba bahleli exhaleni belindele ukuva iindaba malunga zokuba uphi umdlali weliqela wemboleko, ongummi waseGhana uChristian Atsu. 

Isakhiwo semveli esineminyaka engamawaka amabini anamakhulu amabini iGazintap Castle iphantse yadilika yaluthuthu. Ukanti nezinye izakhiwo ezihlonitshwayo ngokwemveli kurhanelwa ukuba kuphelile ngazo.  

Ukusukela ngokuhlwa kwangoMvulo, ngabantu abaqikelelwa kwiwaka namakhulu amane anamashumi alithoba anesibhozo asele bephulukene nobomi babo kumaphondo alithoba elizwe laseTurkey, ngelixa abangamakhulu asibhozo aneshumi bebhengezwe njengabaswelekileyo kwilizwe laseSyria. 

Umonakalo omkhulu oluhlobo zange wabonwa kwilizwe laseTurkey kwiminyaka engamashumi ephindeneyo, kodwa kumntla ntshona wase Syria yintlala isenzeka into yezakhiwo eziwayo nabantu abaswelekayo. Kuleminyaka ilishumi elinesibini idlulileyo, elilizwe liqubisana nemfazwe yesikhaya. 

Iqulunqwe ngu Arthur Greene

Umfanekiso ongasentla: Izakhiwo ezingaphezu kwamawaka amabini namakhulu asibhozo ezidilizwe  ehlasele eTurkey naseSyria ngoMvulo. 

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter