Abafundi baqhankqalazela ukuba balahlelwe kwizisele ezimnyama ababulali 

Ngu Doreen Mokgolo

Abafundi kwiphondo laseRhawutini bafunge ngelithi abalubeki unyawo esikolweni de kube kanti amadoda amathathu atyholwa ngokubulala umfundi ogama linguShaun Mphela awayifumani ibheyile. 

Ababafundi basuka kwizikolo ezahlukeneyo eziquka eTsakani, eDuduza naKwa-Thema Ekurhuleni, bakwanyanzelisa ukuba izityholo zocalucalulo ngokwebala ezikolweni zithathelwe ingqalelo. 

Ngentseni yangoMvulo, abafundi bezikolo zamabanga aphakamileyo banqandiwe ukuba bangayi ezikolweni, bekhuthazwa ngabaqhankqalazi ukuba nabo babeyinxalenye yoqhankqalazo oluqhube phambi kwenkundla kamantyi eTsakani. 

Eligquba labaqhankqalazi belime ngaphambi kwenkundla ngethuba lokufakwa kwesicelo sebheyile ngabarhanelwa uKowah Pillay oneminyaka engamashumi amathathu, uEd ted “Bino” Williams oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu kunye noAmeeruddin “Dino” Prince oneminyaka engamashumi amathathu ananye. 

Oluqhankqalazo luqale ngolwesihlanu ngethuba abafundi beqhankqalazela ngaphandle kwamasango ezikolo zabo, nangaphandle kwekhaya lomnye wabarhanelwa emva kokubanjwa kwakhe. 

La madoda mathathu abekwa ityala lokubulala uShaun Mphela oneminyaka elishumi elinesixhenxe, owahlatywa wabulawa ngoLwesine. 

Kutyholwa ukuba uMphela wabulawelwa ukungenelela enqanda ngethuba amakhwenkwe amathathu ayeqalisa ukugalela ngeSprayi esibabayo abanye abafundi besikolo samabanga aphakamileyo iGeluksdal Secondary.

Ezizikrelemnqa zafunga ukuba zizakumbonisa uMphela xa kuphuma isikolo, kwaye baxelela amalungu amadala eqela labo lonqevu ukuba alwe nalo kaMphela. 

Kurhanelwa ukuba ababarhanelwa bathathu balinda ngaphandle kwamabala esikolo, ze bahlasela uMphela nabahlobo bakhe ngethuba besendleleni egodukayo. 

Umbutho wabafundi iPan Africanist Student Organisation (PASO) ithi asizokuqhuba isikolo de kube abafundi bayagqogqwa ekuseni nasemalanga xa begoduka, ide imeko ibe yelawulekayo. 

Ukanti ukungavisisani ngokwebala kuyagquba kwisikolo samabanga aphakamileyo iGeluksdal Secondary. Esisikolo sizinze kwilokishi iBrakpan, ekungummandla owonganyelwe ngabantu bebala. Kwaye kuphela kwesikolo esifundisa izifundo zolwimi lweAfrikaans kwindawo yaseDuduza, Kwa-Thema nase Tsakani.

Iqaqobana labafundi abamnyama kwesisikolo bathi bajamelene nokucalucalulwa, nokuxhatshazwa ngokwebala yonke imihla esikolweni. 

Unobhala wePASO uBusisiwe Shezi uthe banyanzelisa amapolisa ukuba abize intlanganiso yabathathi nxaxheba, kuthethe ngezizityholo zocalucalulo kwesisikolo. 

“Amathemba ethu siwabeke emapoliseni, njengoko isebe lezemfundo kwiphondo laseRhawutini lohlulekile ukukhusela abafundi kulommandla. Sidiniwe ngumphathiswe wesebe lezemfundo laseRhawutini omane esiza pha eTsakane, ezobonisa ubukho bakhe ngathi yifashoni, utshilo. 

“Asinalo ithemba koosopolitiki, sifuna amapolisa athathele kuwo iintambo akhokhele lenkqubo.”

Isicelo sebheyile ngokusemthethweni sirhoxiselwe umhla weshumi elinesihlanu kule nyanga yoMdumba, kwaye abarhanelwa bazakuba seluvalelweni. 

Isithethi samapolisa kwisebe lezemfundo lephondo laseRhawutini uSteve Mabona ubongoze abafundi ukuba babuyele emagumbini okufundela, bayekele amapolisa nenkundla ukuba aqhube netyala. “Ukungabuyeli enkomeni akuzuncedisa mntu; sibongoza abazali ukuba bathethe nabantwana babo ukuze babuyele esikolweni”.

“Sizakuqhubeka sinikezela ngeenkonzo zoluleko lwengqondo kwabo bachaphazelekileyo,” utshilo. 

Umfanekiso ongasentla: UFikile Mahlangu

Imvelaphi yomfanekiso: NguDoreen Mokgolo