Zigalelekile iintambo zobuxhaka xhaka bomnantha kweli

Ubuxhaka xhaka beentambo zombane i2Africa sele bufikile e-Amanzimtoti kumazantsi eTheku. 

Ezintambo zinobude obulinganiselwa kumawaka angamashumi amane anesihlanu, zisalungiselelwa, kwaye zizakuhamba ngaphantsi kolwandle iAtlantic Oceam, iIndian Ocean kunye neMedirerranean kunye neRed sea.

Eliphulo laphehlelelwa ngenyanga kaCanzibe ngonyaka ka2022, leprojekhthi yembali izakunikezela ngomnatha ophambili kumazwe angamashumi amathathu anesithathu kwihlabathi liphela, nalapho alithoba kuwo ezakube eseAfrika. 

Inqanawa ehamba ibeka ezintambo, ibiboniwe kungekudala kunxweme lwaseAManzimtoti, kwaye oku kutsale umdla omkhulu kubantu bokuhlala.  

I-Amanzimtoto yenye yendawo ezazichongiwe kwilizwe loMzantsi Afrika ukuba ibe yenye indawo ezizakufikela kuyo ezintambo. Yindawo yaselwandle apho zifikela khona, esekulwakhiwo. Ezintambo zizakuhamba kumgama wekhilomitha ezintlanu ngaphantsi komhlaba zisiya kwisikhululo esizakwakhiwa kude kufuphi nomgaqo iArbour Road.

Ezintambo ziziswa yinkampani yamazwe ohlukeneyo i2Africa, eyenziwa zinkampani ezohlukeneyo kwezonxibelelwamon ziquka uFacebook, uMTN, uVodafone, iChina Mobile Internet kunye ne Telecom Egypt.

Iqulunqwe ngu Mashudu Mabila 

Umfanekiso ongasentla: Inqanawa ye2Africa ehambisa iintambo zomnatha iboniwe kunxweme lwaseAmanzimtoti 

Imvelaphi yomfanekiso: @eNCA