UOshwin Andries ulandulele eli, emva kokukhutshwa esibhedlele 

Ngu Micheal Madyira

Kwiveki nje ezimbini ekhutshiwe esibhedlele emva kokunyangelwa amanxeba okuhlatywa, uthe walandulela eli umdlali wangasemva weqela lebhola iStellenbosch okwangukapteni weqela lesizwe like U21 uOshwin Andries.

Amapolisa esixeko saseKapa athe, uAndries ukhutshiwe esibhedlele kodwa imeko yakhe iye isiba maxongo ngaphambi kokuba abuyiselwe kwakhona. 

UAndries usweleke ngenxa yamanxeba okuhlatywa kwisibhedlele eKapa ngoMgqibelo. 

Akukabikho mntu ubanjiweyo emva kokuhlatywa, kubulawe umdlali ovalayo kwibhola ekhatywayo, obelindeleke ukuba gqibe iminyaka engamashumi amabini kulenyanga imiyo, ngomhla wamashumi amabini anesine ngalenyanga yoMdumba. 

“Uswelekele esibhedlele [ngoMgqibelo] emva kokuba usapho lwakhe lumse esibhedlele,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukapteni Nowonga Sukwana osisithethi samapolisa kwiphondo laseNtshona Koloni.

“Ebenyangelqa amanxeba okuhlatywa, waze wakhululwa ukuba agoduke, kodwa usapho lwakhe luphinde lwambuyisela esibhedlele kwakhona ngobusuku bayizolo apho aye wasweleka.”

“Inkcukacha ezirhangqe ukuhlatyea kwakhe zisaphandwa. Akukho mntu sele ebanjiwe okwangoku.”

“UAndries ebengeyonxalenye yeqela leStellenbosch ebeliyokudlala eGqeberha kumdlalo wePremier Soccer League neqela leChippa United laphumelela ngamanqaku amabini kwelinye ngoMgqibelo. 

Umdlalo wakhe wokugqibela edlalela eli qela ubungomhla wamashumi amabini anesixhenxe ngenyanga yoMqungu, kumdlalo wedabi laseKapa apho litywatyushe iqela leCape Town City ngamanqaku amathathu kwamabini kumdlalo wasekhaya. 

Ukapteni weqela loMzantsi Afrika kwabo bangaphantsi kweminyaka engamashumi amabini uAndries wangena kwisigaba semidlalo yePSL ngenyanga yoMnga ngonyaka ka2021 bedlala neBaroka FC kwaye wadlala imidlalo emibini ngesizini yakhe yokuqala kwesisigaba. 

Ukanti kulesizini iqhubayo uwuphuculile umgangatho wokudlala kwakhe njengoko edlale kwimidlalo elithoba equka yonke imidlalo ekukhutshiswana kuyo, kunye nemidlalo emithandathu ayidlale eyinxalenye yabadlali ebebeqala umdlalo. 

UAndries waba ngumdlali wokuqala omncinci ukufaka inqaku leqela lakhe iStellenbosch, kumdlalo wabo neqela iRoyal AM ngenyanga yeThupha, elibhengeze ukusweleka kwakhe. 

“Kulunxunguphalo kwiqela leStellenbosch FC emva kokufumanisa iindaba zokusweleka komdlali wangasemva obenekamva elikhangeleka liqaqambile, uOshwin Andries,” itshilo imbalelwano ekhutshwe leli qela. 

“Eliqeli alikho kwindawo yokuba lidize inkcukacha ezithe vetshe malunga nokusweleka kwakhe kwesisigaba, kwaye licela usapho lunikwe ixesha labucala ngelixesha linzima lokulahlekelwa. 

“UAndries ebengumdlalj webhola ekhatywayo oselula, owaphumelela uqeqesho lwakhe kwiSFC Academy, waqalisa ukudlala ibhola ekhatywayo enesakhono esikudidi oluphezulu eneminyaka elishumi elinesibhozo.”

“Indima yakhe ebaleni nangaphandle izakuhlala ikhumbuleka.” 

Abesagaleleka amazwi ovelwano ngokusweleka kuka Andries nangeCawa, nalapho uPitso Mosimane ebhengeze ukuba ebemjonge ngamehlo okhozi lomdlali wangasemva. 

Lo kaMosimane ude wathi, waxelela noonozaku zaku bakhe ukuba bambeke iso uAndries. 

Umfanekiso ongasentla: NguOshwin Andries

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter