
Ngu Zukile Majova
Ungazihluphi ngokufaka isicelo somsebenzi kwisithuba esivulekileyo sengqonyela yakwa Eskom ukuba khange utsalelwe umnxeba ngumphathiswa wesebe lezimbiwa namandla uGwede Mantashe, okanye abo asebenzisana nabo.
Ekugqibeleni, le nkampani inexabiso elifikele kumakhulu amabini anamashumi amane anesixhenxe eebhiliyoni zeeRandi, inabasebenzi abangaphezu kwamashumi amane amawaka ide yasipapasha isithuba somsebenzi esivuleke emva kokushiya kukaAndre de Ruyter njengengqonyela yalenkampani ngenyanga yoMnga kunyaka ophelileyo.
UDe Ruyter wabanengxabano noMantashe owamtyhola ngokuba nesandla kwizicwangciso zokonakalisa urhulumente wombutho weANC, kuba esohluleka ukulawula inkqubo kacimi cimi wombane.
UMantashe sele ekhuphe abaphathiswa kunye namalungu esigqeba esiphezulu sakwaEskom kunye necandelo lezamandla loMzantsi Afrika, ukuze abeyindoda ephambili yombutho weANC kwicandelo lezamandla.
Ixhoba lakhe lakutsha nje ngumphathiswa wesebe lamaqumrhu karhulumente uPravin Gordhan, owaye sisikhulu esingaphathwayo, engumxhasi omkhulu kaRamaphosa – kodwa emva kwengxabano enkulu nabaxhasi bakaMantashe kumbutho weANC, uGordhan uzibone ebekelwa bucala kwisigqeba esinemandla salombutho, ikomiti elawulayo yombutho weANC.
Nokuba ingangubani ozakufumana lomsebenzi uzakunyanzeleka azithandise kwibhodi entsha yakwaEskom etyholwa ngokubangela iyantlukwano kubaphathi abaphezulu bakwa Eskom.
Kuleveki umhlalutyi wezamandla uChris Yelland uqinisekise ukuba waqaphela ukungavisisani phakathi kwabasebenzi abaphezulu kwaEskom kunye nebhodi.
“Ndiva ukuba ingqonyela yakwa Eskom, iCOO kunye no CFO bagxothiwe lisebe leDPE neDMRE nakwibhodi entsha yakwa Eskom. Ingqonyela yakwa Eskom, uCOO kunye noCFO bebengamenywanga kwinkomfa yokugqibela noonondaba, nto leyo endiyibona iphazamisa kakhulu, ingafanelekanga kwaye ilahlekisa kuba lulwazi olungaphelelanga olusasazwayo.”
Kuthathe isithuba esiphantse safikelela kwinyanga ezimbini phambi kokuba inkampani yakwa Eskom ibhengeze esisithuba somsebenzi wengqonyela yalenkampani, emva kokulahla kuka De Ruyter. Ingqonyela entsha izakuba yeyeshumi kuquka namabambela, ukusukela ngonyaka ka2014.
Esisithuba somsebenzi sifuna umntu onolwazi lokonyusa ingxowa mali kunye nokukhokhela iprojekhthi ezinemali enkulu”. Okubaluleke kakhulu, umphathi walenkampani kufuneka abengumntu, “onolwazi lokuphatha kwindawo exakekileyo kwaye enabathathi nxaxheba abomeleleyo.”
Umphathi omtsha walenkampani uzakufumana ilifa lenkampani isembindini wenkqubo yokohlukanisa, kwaye kulindeleke ukuba aqhube iphulo le ‘Just Transition” elixabisa imali elikhulu namashumi amahlanu eebhiliyoni zeeRandi. Eli phulo liphikiswa ngokumandla njengoko lijolise ekuphelisweni kwenkqubo yokusebenzisa amalahle ukuvelisa umbane, kutsho kusetyenziswe iimveliso zamandla ahlaziyekayo.