Kubhubhe iintsana ngenxa yokutya okunetyhefu

Ngu Tladi Moloi

Kusweleke abantwana ababini, ngelixa abathathu besilwela ubomi babo esibhedlele emva kokutya ukutya okufakwe ityhefu, ekutyholwa ukuba bakunikwe ngabantwana balowo wayengumyeni kanina wezintsana.

Ababantwana bahlanu – apho isibini nesibini sizalwa kunye – baqale ngokulunywa sisisu ngohlobo olunganyamezelekiyo emva kokuba betye ukutya ngoLwesine ePlatberg, kwilokishi  yase Manyatseng eFree State.

Amapolisa athi ababantwana batye irayisi, inyama kunye neziqhambo, bephakelwe kwisitya sePlastiki.

UReabetswe Ntahane kunye noKarabo Modise abaphathi kweminyaka emihlanu nelithoba, basweleke ngoko nangoko emva kokuba betyile, noxa kunjalo, abathathu abashiyekileyo befumana unyango kwisibhedele eBloemfontein

UMoleboheng Ntahane ongumakazi wabantwana abathathu abangamaxhoba. Uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba  abantwana ababini abaseleyo ngabomhlobo ka dade wabo,

Uthe udade wabo kunye nomhlobo wakhe balahlekelwe ngomntwana omnye bobabini. 

“Udade wethu usesesibhedlele kunye nabantwana bakhe abaneminyaka elishumi elinesithandathu kunye nominyaka esixhenxe, ngelixa umhlobo wakhe enesa umntwana wakhe oneminyaka emithathu,” utshilo. 

Uthe usapho alukakholelwa emva kwesisithwakumbe senzekileyo.

“Andazi ukuba yintoni kanye kanye ebulele ababantwanq kuba nditsalelwe umnxeba ebusuku, ndithe xa ndifika udade wethu wabe sele ehambile nabanye abantwana esiya esibhedlele.Ndathi xa ndifika wabesele eswelekile.”

Uwarrant officer Mmako Mophiring we ofisi yezonxibelelwano kwisithili iThabo Mofutsanyana uqinisekisile ukuba abantwana ababini baswelekile, kwaye amapolisa avule uxwebhu lophando. 

Amapolisa akakabambi mntu ngesisenzo.

“La mantombazana ebekhala ngokulunywa sisisu emva kokuba bechazile ukuba bebetye ukutya okuvela kumzi okufutshane kwakulendawo yasePatberg, kwilokishi yaseManyatseng, bekunikwe liqabane elalitshate nomama wabo kusesikhaftineni.

UMophiring uthe kwangobobusuku, abazali batsalela umnxeba isithuthi sezigulane, sabasa esibhedlele apho bafike balaliswa kwisibhedlele sasekuhlaleni, apho baswelekele khona ababini.

Omnye umntwana ubalekiselwe kwisibhedlele iPelenomi Hospital, eBloemfontein ngelixa ababini kubo benikwa ingqwalasela ngokwezempilo. Imeko yabo ayikaziwa

“Ukutya kuthathiwe kuyohlolwa ngokubanzi, ukufumanisa ukuba ibikhona kusini na ityhefu,: utshilo uMophiring

Umfanekiso Ongasentla: Ladybrand in the Free State

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter