
Ngu Buziwe Nocuze
Lisengxakini igquba lamakhwenkwe afunda kwisikolo samabanga aphakamileyo iMgezwa High eLusikisiki ngenxa yokuthanda ifashoni, ababafundi bacuthe iibhulukhwe zabo bazenza ezefashoni yalemihla.
La makhwenkwe ebecinga ukuba izakubethwa ngoyaba lendaba, njengoko egqibe ekubeni acuthe ezi bhulukhwe zesikolo zinombala ongwevu zibemfutshane, kwaye zibamince kuvele amaqatha.
Ababafundi baathi bebecinga ukuba inkangeleko yawo izakunceda isikolo sabo singasali ngasemva kwifashoni yalemihla, kodwa ngelishwa labo inqununu yesikolo ayiboni ngolohlobo.
Inqununu umnumzana uMzwandile Thutha uye wabanqumamisa ababantwana ngenxa yendlela ebebenxibe ngayo.
Omnye wabafundi abanqunyanyisiweyo uthe, banxiba ezibhulukhwe zibamincayo ukubuyisela ukuzithemba kwabo, kwaye khange bacinge ukuba ukucutha iibhulukhwe zabo kuzakubafaka engxakini.
Baxelelwe ukuba mabagoduke babuye nabazali babo, okanye babuyele esikolweni benxibe ibhulukhwe ezinombala ongwevu zesikolo ezifanelekileyo.
UThembalakhe Zintonga wothuswa sisigqibo sesikolo wathi: “Khange ndibone nto ingafanelekanga ebantwaneni; bebecocekile. Esisikolo kufuneka sigxile kwizinto ezibalulekileyo kunebhulukhwe ezincitshisiweyo.”
Omnye wabazali uthi wamvumela unyana wakhe ukuba ayicuthe ibhulukhwe yakhe kuba ubeyintllekisa esikolweni.
“Wabuya esikolweni enomsindo emva kokuba abanye abafundi esikolweni bemhleka kuba enxiba ibhlukhwe ezinkulu, wacela ukuba azicuthe nam ndavuma.”
“Isizathu sokuba acuthe iblukhwe yakhe sasonele kum, zange ndicinge ukuba ngenxa yoku ndizakubizwa esikolweni okanye ndinyanzeleke ukuba ndithenge ibhlukhwe entsha.”
Uzakunyanzeleka ukuba aboleke imali ukuze akwazi ukuthenga ibhulukhwe yonyana wakhe kuba imfundo yakhe iza kuqala. Akafuni asalele ngasemva ezifundweni zakhe unyana wakhe ngenxa yefashoni nje kuphela.
Isithethi sesebe lezemfundo kwiphondo leMpuma Kapa uMalibongwe Mtima uphikile ukuba ababafundi banqunyanyisiwe esikolweni ngenxa yokucutha oomakufanwe babo.
“Bagoduswa ukuze batshintshe banxibe ezinye iibhlukhwe, ezingezizo ezi zincitshisiweyo kwaye babuye benxibe omakufanwe besikolo abanemibala eyamkelekileyo.
“Ukuba abazali abanayo imali yokuthenga omakufanwe besikolo, kufuneka baye esikolweni nabantwana babo bayochaza kwinqununu yesikolo kunye nebhodi elawulayo, ukuza abantwana babo banganxibi imibala eyohlukileyo komakufanwe besikolo,” utshilo.
Umfanekiso ongasentla: Igquba lamakhwenkwe elithi ligxothwe esikolweni ngenxa yokucutha ibhlukhwe zesikolo zabo ezingwevu.
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe