UTrusted SLK uzakonwabisa kwiCotton Fest

Ngu Khaya Ndaba

Umyhadala weCotton Fest 2023 uthembisa ukuba neemvumi eziphezulu, kwaye uTrusted SLK ngomnye woosaziwayo abazukucula kumnyhadala walonyaka. 

USivuyisiwe Slinga owaziwayo ngelika “Trusted SLK”, ngomnye wemvumi ezizakube zicula kwiCotton Fest yalonyaka. 

USlinga waphumelela ukhuphiswano lwePut Me ON National Challenge lwevenkile yeempahla iSportscene, kwaye uyazimisela kakhulu xa esonwabisa atsho ngezimvo ezivuselela imvakalelo ebantwini abamameleyo.

Ukanti ukwanguye nochongwe njengomntu wasetyhini ogqwesileyo kumculo woMzantsi Afrika kunyaka ka2022/23. Ubecula kumnyhadala iBack To The City Festival 2022 kunye ne South African Music Week kunyaka ophelileyo. 

Ingoma yakhe eyaziwayo ithi “Uyithatha” libukelwa nangakumbi ngabangtu kwikhasi lika YouTube, nalapho sele lifikelele kubabukeli abangamawaka angamashumi amabini anesixhenxe.  

USlinga kuphela kwemvumi yomculo wehip hop efikelele kuluhlu lweemvumi eziphezulu ezisibhozo, kukhuphiswano oludlala kwisikhululo uSABC1 kwinkqubo ethi 1’s Mic battle rap competition. 

Le mvumi iyinzalelwane yephondo leMpuma Kapa, yaqala ukuzishicilela icula isebenzisa iEarphones zaseCall centre.

“Ndaqalisa isakhono sam ndisebenzisa icall centre earphones, ndizishicilela ndirapper, ndiphinde ndizidlalelela lomshicilelo.”

Indlela enza ngayo izinto yohlukile. “Umculo wam wohlukile kuba awunazo izinto ezifakelwayo, zizimvo zam zinjengokuba zinjalo,” utshilo. 

Umculo kaTrusted SLK ubonakalisa amandla nemvakalelo, kwaye iinkumbulo zakhe ecula ziphezulu kakhulu. 

Umfanekiso ongasentla: UTrusted SLK

Imvelaphi yomfanekiso: @TheTrustedSLK