
Ngu Nkhensani Mthombeni
Umlinganiswa womboniso iGiyani Land of Blood uFumani Shilubana uchukunyiswe kukwenyuka kwezinga lokukhulelwa kwabafundi kweli, wavelisa umboniso bhanyabhanya othi Pregnant High.
Kwikota yokuqala yalonyaka umphathiswa wesebe lemfundo esisiseko uAngie Motshekga uphawule abantwana abangamashumi alithoba amawaka abaphakathi kweminyaka elishumi ukuya kwishumi elinethoba abathe bakhulelwa kweli, kwisithuba senyanga kaTshazimpuzi yonyaka ka2021 ukuya ngenyanga yoKwindla yonyaka ka2022.
Oku kubonakalise ukunyuka okumandla kwesibalo sabantwana abakhulelwayo kweli xakuthelekiswa nenani lonyaka ka2021 kwangelixesha linye, apho lalime kumamawaka angamashumi amathathu anesithandathu.
Lomboniso usekezelwe kumlinganiswa oyintloko, oyintombazanana ehlakaniphileyo enguBonolo, oqalise ukwakha ubuhlobo nabahlobo abangalunganga. Oku kumphembelele ukuba alishiye iqabane lakhe, waqalisa wabelana ngesondo namadoda amadala kuquka notitshala wakhe.
Ukukhulelwa kukaBonolo kwadala ingxwabangxwaba esikolweni – kwaye wagxekwa ngokumandla xa ezama ukubonisa ukuba uxhatshazwe nayititshala.
Lo mlinganiswa udlalwa nguKhanyiwe Jiyane oneminyaka engamashumi amabini anesithathu waseDaveyton. UJiyane uthe lendima imfundise ukuba angaboze avumele abahlobo bambeke phantsi koxinizelelolokuba enze izigqibo ezingalunganga.
UShilubana oyintloko nomvelisi walomboniso uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba injongo yalemveliso kukushicilela kwaye ilumkise ngemiceli mngeni ephazamisa imeko yokuhlala. “Izinga elisoloko linyuka labantwana abakhulelwayo ezikolweni zethu, liyaxhalabisa”.
“Ezikolweni kukhona isifundo esifundiswayo esiyiLife Orientation efundisa ngezinto ezingqonge ukwabelana ngesondo. Isebe lezempilo liyangenelela linikezele ngedyasi yomkhwenyana simahla, kwaye nentlobo ezohlukeneyo zokucwangcwisa ziyafumaneka mahala kodwa akukho nenye ekhangeleka isebenza,” utshilo.
Uthi lomboniso uhlaba ugqithele ngaphaya kokujonga indlela embi abaziphatha ngayo abafundi, kodwa ibalisa amabali aquka nootitshala, ababandakanyekayo ekubeni abantwana bakhulelwe.
“Sifuna nokuthetha ngemibutho emele ootitshala engenandaba nempilo yabantwana abangamantombazana,” utshilo.
Umboniso othi Pregnant High, yimveliso yokuqala ezimeleyo eveliswe yi Yerhu Film Commission, eyaqalwa nguShilubana nabanye abathandathu asebenza nabo. Lomboniso uzakudlala kungekudala kwikhasi leYerhu lika YouTube.
Umfanekiso ongasentla: Abalinganiswa bomboniso bhanyabhanya ngexesha loshicilelo, kunye nomvelisi womboniso uFumani Shilubana
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe