
Ngu Zukile Majova
Ukuba ukhona umntu ofanelwe linqindi, yinkokheli yombutho weDA uJohn Steenhuisen.
Ngoku asenomfutho, egqiba kulwa nombutho weANC elwela isikhundla sika sodolophu waseJoburg, uMpho Phalatse uyakwazi ukulifaka inqindi.
Kungoku nje uPhalatse obesakuba ngusodolophu waseJoburg ulungiselela ukuqubisana noSteenhuisen ngesisikhundla siphezulu kumbutho weDA.
Kodwa uGqr Phalatse ukhethe umlo ongafanelekanga.
Kwenzeka njani ukuba omnye wabagqatswa abaphambili kwisikhundla senkulumbuso yephondo laseRhawutini, achithe ixesha lakhe elwela ukuba yinkokheli yombutho weDA?
Okokuqala, sisikhundla nje esiphezulu, esingenamandla okanye umfutho.
Okwesibini, ngumlo angeke awuphumelele.
NgoMvulo ubhengeze izicwangciso zakhe ngaphambi kokuba kuhlale inkomfa yonyulo yalombutho ngenyanga kaTshazimpuzi. Ukanti abekho ooceba beDA abavakalise ukumxhasa eTshwane, Ekurhuleni naseMogale City; liqaqobana lesigqeba saseJohannesburg kuphela elimxhasayo.
Iphulo elikhulu ngoluhlobo kwinyanga nje ezimbini lidinga inkxaso epheleleyo yombutho weDA kwiphondo lakhe, kulandele ukugaywa kwenkxaso ukuze amalungu amanye amaphondo apho angaziwayo akwazi ukumvotela.
Nokuba ubenokuphumelela, ngumlo nje ofana nokulwela ithambo elingenanyama. Wonke ubani uyayazi ukuba inkokheli yokwenene yombutho weDA ngu Helen Zille, ongusihlalo webhunga lalombutho kuzwelonke iDA Federal Council.
Nguye okhokhele lombutho, ukuba nje ukhe wamnyathela ezinzwaneni, ungogxothiwe kulombutho.
UPhalatse ngoyena mgqatswa uthandekayo, unamava kwaye uyawazi umsebenzi njengomgqatswa wesikhundla senkulubaphathiswa, kulawulo lwentsebenziswano yamaqela aphikisayo, ekunokwenzeka ukuba athathele kuye ulawulo lweliphondo kumbutho weANC emva kovoto lonyaka ka2024.
Bonke ubungqina bubonakalisa ukuba kungenzeka iphondo laseRhawutini lilawulwe ngurhulumente wentsebenziswano yamaqela aphikisayo emva konyulo luka zwelonke ngonyaka ka2024.
Umbutho weANC waphumelela ngomyinge ka50.09% kulonyulo luka2019, waze wafumana umyinge ka 36.06% yeevoti zabahlali baseRhawutini kunyulo loorhulumente basemakhaya ngonyaka ka2021.
Kunyulo loorhulumente basemakhaya umbutho weDA wafumana umyinge ak28.7%, iEFF yafumana u11.89% ngelixa iActionSA yafumana umyinge ka9.43%.
Abavoti baseRhawutini baphoxeke nangakumbi ngoku kurhulumente wombutho weANC ngenxa yenkqubo yokicinywa kombane eqhubayo, ingxubakaxaka ebangelwa ngurhulumente wentsebenziswano yamaqela aphikisayo komasipala abambaxa kwela phondo kunye nomgangatho ophantsi wokuhanjiswa kweenkonzo.
UPhalatse unaso isakhono sothethathethwano, uyakwazi ukulinda kwaye unolwazi oluzakudingeka ukumilisela urhulumente wentsebenziswano yamaqela aphikisayo azakulawula esona sixeko sikhulu kwezorhwebo noqoqosho kweli.
Kufuneka azixhobise ngokuzibeka njengomgqatswa ofanelekileyo kwisikhundla senkulu baphathiswa yelaphondo, abenezicwangciso ezicacileyo ezimalunga nokukhupha iphondo laseRhawutini kwinkqubo kacimi-cimi wombane.
Umlo ongahlambulukanga phakathi kwakhe noSteenhuisen, ungaphantsi komgangatho akuwo.
Siyacela, siyakucenga Gqr Phalatse: musa ukudlala ngamandla akho. Ngenela ugqatso lwenkulubaphathiswa yephondo laseRhawutini.
Umfanekiso ongasentla: Mpho Phalatse
Imvelaphi yomfanekiso: @MphoPhalatse1