
Inkundla yaseUganda inyanzelise owasetyhini ukuba ahlawule iqabane lakhe abethembisene nalo ngomtshato, emhlawulela umonakalo awenzileyoo emva kokuqhawula isivumelwano sabo somtshato.
Eli qabane ebethembisene nalo ngomtshato lithe ulibangele ukuba “liphazamiseke kwaye lufumene ukonzakala ngokwengqondo”.
Le nkundla inyanzelise lowasetyhini ukuba ahlawule lo ubeliqabane lakhe imali engaphezu kwe $2,800 (R48 000) ngokuqhawula isivumelwano sabo somtshato emva kokuba ehlawulele izifundo zakhe.
Ngokwengxelo zenkundla ezibonwe liqonga leendaba iAgence France-Pressse (AFP); uRichard Tumwiine oneminyaka engamashumi amathandathu anesine oyititshala esele isidla umhlala phantsi, wabhatalela izifundo zika Fortunate Kyarikunda kwezomthethi idiploma in Law ngethuba esisibini sasithembisene ngomtshato. Lo wasetyhini kukholeleka ukuba ukwiminyaka yokuqala engamashumi amathathu.
Iingxelo zithi uKyarikunda utshintshe ingqondo yakhe ngokutshata nale ndoda ngenxa yobudala bayo.
NgoLwesine eKunungu, kwintshona yelizwe lase Uganda, umtshutshisi uCharles Mukobi ukhuphe isigwebo esithi njengoko isithembiso somtshato singafezekiswanga ngummangalelwa ngakummangali, inkundla inyanzelisa lo wasetyhini ukuba ahlawule lo ubesakuba liqabane lakhe imali engaphezu kweR48 000 ngokuqhawula isivumelwano somtshato.
“UKyarikunda unyanzeleke ukuba ayiphindise imali efikelele kuR48,048,28 eyachithwa ngu Tumwiine kwizifundo zakhe,” atsho njalo amaxwebhu enkundla.
UMukobi wongeze ngelithi inkundla iphinde yanyanzelisa ummangalelwa ukuba “ahlawule imali esisigidi sesheleni ($4,650) yentlawulo gabalala ngakummangali ngokuphazamisana naye okwenze ukuba aphazamiseke ngokwengqondo.z’
Inkundla ithe uKyarikunda khange afake zimpepha zithi uyaphika, okanye akazubayinxalenye yezingxoxo.
NgoLwesihlanu uTumwiine uxelele iAFP ukuba elityala limshiye enentliziyo eyaphukileyo, kunye nokulimala okuhleli ngonaphakade entliziyweni yakhe. “Ndiyahlaselwa ngabahlobo nezizalwane ngokuba yindoda elahliweyo”.
Kodwa lowo wayesakuba ngumphathiswa wesebe elijongene nokunyaniseka koluntu, ophinde abe litshantliziyo elaziwayo ngokulwela amalungelo amanina uMiria Matembe usigxeke kanombom “esisigwebo sicalanye”. Ibilityala elingaqhelekanga apho inkonzo yobulungiswa ibonakalise ukuxhasa amadoda,” uxelele iqonga leendaba iAFP.
Iqulunqwe ngu Mashudu Mabila
Umfanekiso ongasentla: Inkundla
Imvelaphi yomfanekiso: Pexels