
Ngu Tladi MOLOI
Kuqhambuke ingxwabangxwaba kwisikolo samabanga aphakamileyo iTlotlisong High eFicksburg kwiphondo laseFree State ngentseni yangoLwesine. Abafundi bahlasele ootitshala bebatyhola ngokuba ngunobangela wokuba abantwana bathathe ubomi babo kwesisikolo.
Kutyholwa ngokuba uThabang Tshabalala othathe ozigqithise amafu ukuba ubendlandlathekiswa, exhatshazwa ngootitshala abathathu besisikolo. Kukholeleka ukuba uTshabalala ushiye incwadana enamagama ootitshala abathathu ngaphambi kokuba azityise ityhefu ngobusuku bangoLwesibini endlini ka makhulu wakhe.
Abafundi abangakwazanga ukufikelela kubasolwa, babhenele ekuba bophule iifestile zesikolo, kwaye babhukuqa nemoto yamapolisa.
UMalai Tshabalala oneminyaka engamashumi amathathu anesine ongumama walenkwenkwe uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba ubecinga uyadlala unyana wakhe ngethuba emxelela kwintetho ebebeyenza ngomnxeba esithi uzakuzibulala.
Uthe unyana wakhe wayecele ukuba afunde kwesinye isikolo.
“Nditsalelwe umnxeba ngomnye wabahlobo bam abasezilalini ngentseni endixelela ukuba umntwana wam uswelekile, kodwa ndamxelela ukuba makayeke ukudlala.”
“Ndatsalela umnxeba utata womntwana, owaye lila ngethuba ndithetha naye, kodwa ndandingekakholelwa kuba ndandithetha nomntwana wam ngokuhlwa kwangoLwesibini,” utshilo.
UTshabalala uthe unyana wakhe ebekhalaza ngempatho mbi ayifumana esikolweni, kodwa zange amthathele ngqalelo.
“Kunyaka ophelileyo wandixelela ukuba abanye ootitshala babemxelela ukuba ndingumarhosha eJohannesburg kwaye ndimthengela impahla ezingamavovo.
“Ndambuza ukuba ngubani othetha lonto, emva koko wandithumelela umfanekiso walomntu. Ndatsalela isikolo umnxeba ndifuna ukuxela inqununu kodwa zange ndifumane nomnye umntu kulomnxeba.
Uthe nangona lenkwenkwe ibingaphumelelanga kwiimviwo zayo, wakwazi ukumkhuthaza emxelela ukuba ayikokuphela kobomi oku, emva koko waphindela kwakhona esikolweni.
“Ndayixela lemeko esikolweni ndade ndathenjiswa ukuba izakunikwa ingqwalasela. Kodwa ngoku kuyacaca ukuba zange inakwe, yiyo lonto ephele ethatha ubomi bakhe,” Utshilo utshabalala.
Uwarrant officer Mmako Mophiring oligosa lezonxibelelwano kwisithili saseThabo Mofotsanyana uthe, amapolisa abiziwe ukuba aye kwesisikolo ngethuba abafundi befuna ukuhlasela ootitshala.
“Kwanyanzeleka ukuba kubizwe amapolisa ongezelelweyo ukuza kuncedisa, kwaye iifestile zangaphambili kwizithuthi ezintathu zamapolisa zonakaliswe. Baphinda abafundi bophula iifestile zesikolo, kunye nesango, kodwa ootitshala namapolisa ayengaphakathi kumagumbi okufundela kwaye zange bonzakale. Umfundi omnye owayebukele lemeko, wabethwa ngelitye entloko kuyo yonke lento ibisenzeka.
“Akukho mntu ubanjiweyo okwangoku kwaye imeko izolile, kodwa amapolisa abeke iliso kwesisikolo kunye ngengqingqi esingqongileyo.
Isithethi sesebe lezemfundo eFree State uHaward Ndaba usiqinisekisile esisiganeko. Uthe uphando luyaqhuba, njengoko kungekho bungqina bokuba lenkwenkwe izibulele ngenxa yobundlobongela abufumana kwititshala.
“Umakhulu wasazisa ngesisiganeko sokuzibulala komzukulwana, kwaye usinike nephepha elinamagama amathathu. Ingxaki, ngamagama kuphela ayikho enye into ebhaliweyo. Thina sive ngabantu ukuba abafundi babanga ngelithi ootitshala bebengamphathanga kakuhle,” utshilo.
Uthe akazuziphikisa ezikrokro ngokuba zingayinyani, kodwa luphando olunobuzaza obuza kunika ulwazi oludingekayo.
Umfanekiso ongasentla: Isithuthi samapolisa esibhukuqwe ngabafundi ebebelugcwabevu ngumsindo kwisikolo samabanga aphakamileyo iTlotlisong High
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe