
Ngu Celani Sikhakhane
Lowo wayesakuba yinkokheli yombutho iActionSA kwiphondo laKwaZulu-Natal uGqr Makhosi Khoza, uxhasa inkqubo yokurhafiswa kwamadoda angenabafazi imali efikelele kumashumi amahlanu eeRandi, nto leyo ibangela ingxokolo kubahlali basezilalini.
Ethetha neqonga leendaba iScrolla.Africa uKhoza ongumlawuli wenkampani Ukhokho Innovation uvakalise ukuba wenze uphicotho lwakhe, kwaye ubonile ukuba inkosi yaseNquthu unkosi Thathezakhe Ngobese, akophulimthetho ngokumisela le rhafu.
UKhoza uthe ityala malibekwe kurhulumente olawulayo, kuba ungunobangela wokuba iinkokheli zasekuhlaleni zixhomekeke kubahlali abangathathintweni ngokwezimali ukuze amakomkhulu akwazi ukusebenza.
“Asikwazi kumohlwaya unkosi Ngobese, kuba iinkosi zinyanzeleka ukuba ziguqe phambi kweenkokheli zopolitiko ukuze zikwazi ukuqhuba imisebenzi yazo ekuhlaleni. Sithetha nje urhulumente akanayo imali ayabela ukusebenza kwamabhunga eenkosi zomthonyama.”
“Ezinkosi zinyanzeleka ukuba zenze imithetho ukuze iinkundla zazo zikwazi ukusebenza. Ngelishwa abahlali abangathathi ntweni banyanzeleka ukuba mababhatale,” utshilo uKhoza.
Abahlali bengingqi yaKwaKhiphinkuzi bayakhalaza ukuba bayasokola kwaye abaphangeli, ngako ke abakwazi kuhlawula lemali ibhatalwa unyaka nonyaka.
Abanye baveze ukuba banyanzeleka ukuba babhatale imali efikelele kumakhulu amane eeRandi, ngenxa yenani lamadoda angatshatanga akhoyo kwiintsapho zabo.
UNgobese uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba akukhomntu uzakumxelela ukuba ayilawule njani ingingqi yakhe.
“Onke amabhunga enkosi zemveli anemigaqo esetyenziswayo ukulawula abantu bawo kwaye nam ndine yam. Lerhafu yimadlana nje, kuba incedisa ukubhatala imirholo yamalungu asebenza kwinkundla zemveli. Kwaye iphinde incedise xa kukhona imizi eyehlelwe yintlekele,” utshilo uNgobese.
Uthe akanazicwangcisk zokonyusa lentlawulo kulonyaka.
Ukwathe lerhafu ikhuthaza amadoda ukuba atshate amaqabane awo, endaweni yokubasebenzisa babakhuleliswe ngaphandle kokubhatala ilobola.
Le rhafu ibhatalwa ngawo onke amadoda aneminyaka elishumi elinesibhozo.
Umfanekiso ongasentla: Unkosi Thathezakhe Ngobese waKhiphinkunzi
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe