
Unobuhle oneminyaka engamashumi amahlanu anesixhenxe, weOnlyFans owaziwa ngelika “The Golden Gilf” uthi akazuyeka ukuvelisa imiboniso yabantu abadala nokuba sele egugile, eneminyaka engamashumi alithoba.
UViktoria Winslow ongunobuhle oqeqeshiweyo kwicandelo lokuzilolonga, unabalandeli abangaphezu kwamakhulu amabini amawaka kwikhasi likaTik Tok.
Akuphelelanga apho. Eli nina laseAustralia liyafuneka nakwikhasi lezonxibelelwabo lika Instagram, apho asoloko epapasha eyona mifanekiso yakhe inomtsalane enxibe impahla yangaphantsi kuphela. U-GILF uthetha ukuthi xa uguqulelwe kulwimi lwesintu “Makhulu ukwenza inkonzo yasegumbini lokulala”.
UWinslow uthi wakhuthazwa yintombi yakhe eneminyaka engamashumi amabini anesine uZoe, owathatha imifanekiso, nemiboniso enomtsalane kamama wakhe.
Ukanti unalo nelinye ikhasi le OnlyFans – elithi lingenelwe ngentlawulo kuba longanyelwe yimiboniso elungele nabantu abadala. Ngokukhuthazwa yintombi yakhe, waqalisa ikhasi leOnlyFans ngenxa yengxaki zemali awayejamelene nazo.
Eli nina lixele iqonga leendaba iJam Press ukuba zange wake wacinga ukuba kwiminyaka esisigidi uyakuze abe ngusaziwayo.
“Amadoda amancinci kangangeminyaka elishumi elinethoba ayinxalenye yelikhasi, kwaye ndicinga ukuba ngumakhulu othandekayo licandelo elinqabileyo kwaye elinomtsalane, nto leyo imncedileyo,” uchazile lonobuhle waziwayo.
Wongeze ngelithi: “Isandothusa nangoku into yokuba basandifuna.”
Lo saziwayo waziwa ngeGolden Gilf uthe uzakuqhubeka esenza imiboniso oko esanabo abalandeli.
“Nokuba sele ndineminyaka engamashumi alithoba nolusu lushwabene ndizakuqhubeka,”
Iqulunqwe ngu Mashudu Mabila
Umfanekiso ongasentla: UViktoria Winslow
Imvelaphi yomfanekiso: @theglobe247