Liqaqambile ikamva likaBizzcuit kumculo weHip hop

Ngu Khaya Ndaba

Icandelo lomculo wehip hop longanyelwe ngamadoda, kwaye ambalwa kakhulu amanina akwazi ukuqaqamba – kwaye uBizzcuit ngomnye wawo. 

UBizzcuit, ogama lungu Tholakele Mkwanazi, ukhokele hayi ngesinxibo sakhe kuphela kodwa nangomculo wakhe. 

Uvelise iingoma ezidumileyo ezifana no “4by4” ecula noGigi Lamayne, enye ethi “Ziyaduma” ecula noTouchline kunye no Supreme Phoenix, kuquka nezinye iingoma ezaziwayo.. 

Wazalelwa eSioweto, wakhulela eTsakane eBrakpan, uthando lwakhe lomculo lwaqala ngokubhala imibongo. 

“Ndisemncinci ngokweminyaka, ndandinendla yokwabelana nabantu ngemvakalelo zam. Ndicinga ukuba ndaqala ngelixesha ukufumana ilizwi lam,” ixelele iqonga leendaba iScrolla.Africa lemvumi ineminyaka engamashumi amabini anethoba.

Umculo wakhe yindibaniselwanl yeentlobo ezohlukeneyo zomculo.  

“Ndibona umculo wam ngokufana nomnyama – uqaqambile kwaye ulungele bonke abantu,” utshilo.

“Ndicinga ukuba yeyona nto indenza ndibe nguBizzcuit. Ndiyakwazi ukucula iKwaito, ndiye kwi Rap okanye isoul kodwa ndibe ndijongene nendlela yokuvelisa umculo weHip hop.”

Kuhambo lwakhe lwecandelo lomculo, usebenze kwintlobo zeprijekhthi ezohlukeneyo, esebenza nabantu abakhulu abahlonitshwayo kwicandelo lomculo. Uchongwe amatyeli ade amabini kwisigaba semvumi elinina egqwesileyo kumculo wehip hop, kwimbasa zeSouth African Hip Hop Wards. 

“Uhambo lwam lube luhle kakhulu kwicandelo lomculo. Iingoma zam zihamba odwa, eyokuqala neyesibini zachongwa kwiimbasa zeSouth African hip hop Awards.”

“Enye yezinto eziqaqambileyo kukudibana kwam noHHP, kwaye ndikwazi ukwenza umculo naye kwisikhululo sakhe semveliso zomculo. Yayi lixesha elingakholelekiyo, kuba ndandimbonq njengomntu ondikhuthazayo. Ukwenza umculo naye yaba yinto engakholelekiyo,” utshilo. 

Ngaphandle kokonwabisa ngomculo, wayenxalenye yemvumi ezikwiculo elalidlala kumboniso bhanya bhanya weqonga iNetflix othi, Happiness Ever After, okhokhelwe ngu Khanyi Mbau, uRenate Stuurman kunye noNambitha Benmazwi.

Kulonyaka uzakuba yinxalenye yecwecwe lomboniso bhanya bhanya othi The Honeymoon, okhokhelwe ngu Tumi Morake, uMinnie Dlamini kunye noKajal Bagwandeen, ocwangciselwe ukuba idlale kwizindlu zemiboniso bhanya bhanya ngomhla wamashumi amathathu ananye kwinyanga yoKwindla. 

Umfanekiso ongasentla: Bizzcuit

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe