Kubulewe nentombazanana kwiziganeko zodubulo ezigqugqisayo eGqeberha

Ngu Anita Dangazele

Bekubanjwe inkonzo yesikhumbuzo yomfundi obesenza ibanga lesixhenxe uInako Magidiwana kwisikolo samabanga aphakamileyo iAlexander Road High eGqeberha. Lo mfundi wadutyulwa wabulawa yimoto eyayidlula idubula ngethuba esendleleni egodukayo ngobusuku bangeCawa. 

Umama wakhe okhathazekileyo, ubelila ngokuzolileyo ngasemva kweholo ebigcwele ime ngembambo, njengoko lentombazana ineminyaka elishumi elinesihlanu ibinconywa ngentlonipho, nokululama ngootitshala nabafundi.

UMagidiwana ubengomnye wamaxhoba aphulukene nobomi bawo ngempelaveki ebiyonganyelwe yimpalalo gazi emasikizi kunye nodubulo obelungakhethi bani, oluphalale nasekuqaleni kwaleveki. Ngabantu abalishumi elinesithandathu abadutyuliweyo, amapolisa asala ephulula iintloko ngelixa iintsapho zinyanzeleke ukuba zingcwabe izizalwane zazo ezilishumi elinesithathu. 

Kurhaneleka ukuba uMagidiwana uve omnye wamadoda ebephethe imipu isithi “ndizakubulala umntu kobubusuku”. Wothuswe kukuva lamazwi, waqalisa wabaleka, kodwa umrhanelwa khange abonakalise nceba wamdubula wambulala. 

Yonke lentlekele iqale, kumgama wezitalato ezimbalwa apho kusweleke abantu kumbhiyozo wokuzalwa kwilokishi yaKwazakhele ngenjikalanga sangeCawa. 

Abantu abasibhozo badutyulwa balalaphantsi ngamadoda amabini awayexhobe ngemipu, agaleleka kwindlu eyayigcwele abantu evulela ngeembumbulu. Kwakulusuku lokubhiyozela usuku lokuzalwa lukaVusumzi Sishuba egqiba iminyaka engamshumi amahlanu. Wadutyulwa wasweleka kunye nabanye abasixhenxe. Ukanti abanye abathathu balwela ubomi babo esibhedlele. 

Kodwa esi ibingesosiganeko sokugqibela sokubulawa kwabantu. Kwiyure nje ezimbalwa emva koku, abanye abantu abane badutyulwa babulawa kwindawo ezohlukeneyo eGqeberha, nalapho uMagidiwana abe ngomnye wabo. 

Kummandla okufuphi, indawo yaseSoweto-on-sea kwangeCawa ebusuku, uSibusiso Jack oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo wabalekela kwindawo yentselo ekufutshane, apho wafika waquleka ngenxa yenxeba lokudutyulwa awayenalo esifubeni. 

Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthe, umnikazi walendawo yentselo kunye nabathengi bakhe, bakhawuleza befuna ukuvala, bagagana nomzimba kaAnele Roxo oneminyaka elishumi elinethoba ngaphandle. URoxo wayedutyulwe entloko nasemqaleni. 

UNaidu ukwathe, emva kwexesha bafumanise ukuba ababarhanelwa baya kumzi okufutshane badubula indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu entloko. Kwafumaniseka ukuba nguSiyabinga Dakela. 

Kwintsuku ezimbini emva kweziziganeko, ngoLwesibini, owasetyhini oneminyaka engamashumi asixhenxe anesithathu wadutyulwa wabulawa ekhayeni lakhe ngabarhanelwa ababini abangaziwayo kwilokishi yaseNew Brighton. 

Amapolisa athi okwa ngoku akukabikhonto idibanisa eziziganeko zokubulala, kwaye unobangela wazozonke awukacaci. 

Akukhomntu sele ebanjiwe ngazo zonke eziziganeko zodubulo, kuquka nesokubulawa kwabantu kwitheko lokuzalwa. Noxakunjalo uphando luyaqhuba. 

Umfanekiso ongasentla: Ixhoba lodutyulo uInako Magidiwana oneminyaka elishumi elinesihlanu 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe