
Ngu Linda Ximba
Imbethi manqindi yelizwe loMzantsi Afrika eyintshatsheli kwiJunior featherweight Champion uBongani Mahlangu ufumene umfutho ozakumnika amandla njengoko ejonge ukuqubisana noMduduzi Mzimela kwiveki ezimbini ezizayo, ekhusela intshinga yakhe.
UMahlangu oneminyaka engamashumi amane anesibini, ude walifumana ibhanti lakhe leInternational Boxing Federation (IFB) All Africa belt awaliphumelela kwiinyanga ezintandathu ezadlulayo.
Waphumelela elibhanti emva kokoyisa uAyabonga Sonjica awamguqisa kumjikelo wesithandathu, kumlo owawubanjelwe eOrient Theatre eMonti ngenyanga yeKhala.
Emva kwalomdlalo, wanyamezela ukubizwa intshatsheli, kungekho nto azakuyiveza ngobuntshatsheli bakhe.
Inkampani iRumble Africa Promotions eyayiququzelela umlo kaSonjica, yayimtshonisa ngapha nangapha ngalo lonke ixesha ebuza ngebhanti lakhe.
Kwafuneka ungenelo lwegosa elimele iIBF eAfrika uAndre de Vries ukuze elibhanti lithunyelwe kulentshatsheli eJohannesburg ngoLwesibini.
Ephelile lulonwabo, uMahlangu wabelene neqonga lendaba iScrolla.Africa ngezindaba.
“Ndonwabile kuba ekugqibeleni ubulungiswa benzekile. Elibhanti sele ndilibonisile nakusapho lwam, kwaye bonwabile. Oku kundivuselele ngendlela endiziva ngayo njengoko ndilungiselela ukukhusela intshinga yam kazwelonke eThekwini,” utshilo uMahlangu.
Uzakube equbisana noMdududzi Mzimela waseRichards Bay, kwiphondo laKwaZulu-Natal. Lo mlo uzakube uqhutyelwa kwihlolo iInternational Convention Centre eRichards Bay ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kulenyanga yoMdumba.
Umzimela oyindoda edlisela ngokomelela, ubalwa kwindawo yokuqala kuluhlu lwembethu manqindi zeli, kwaye ubambe intshinga yentshatsheli yaseKZN, awayiphumelela ngokwamanqaku kumlo wakhe no Sanele Maduna eThekwini.
Umfanekiso ongasentla: UBongani Mahlangu bebhanti lakhe
Imvelaphi yomfanekiso: uthunyelwe