UZikode noBantwini bazakonwabisa uluntu kwiqonga leeGrammy Awards

Ngu Prince Azeel

Iimvumi zeli loMzantsi Afrika uNomcebo Zikode kunye noZakes Bantwini zizakuphinda ziwongwe ehlabathini. 

Kubhengezwe ukuba esisibini sizakonwabisa uluntu kulo msitho wamashumi amathandathu anesihlanu wonyaka nonyaka weGrammy Awards ozakube ebanjelwe eLos Angeles ngeCawe. 

“Zonwabise ngomculo ovela kwihlabathi jikelele ngeveki yomsitho wembasa iGrammy. Yandisa umgangatho wakho ngomculo ochongwe sithi. Yonwabela uncuthu lomculo kaBantwini kunye noNomcebo Zikode,” utshilo umpapasho obhalwe liqumrhu eliququzelela ezimbasa kwikhasi likaTwitter. 

Lo mpapasho ufika kanye emva kokuba uZikode noBantwini kunye noWouter Kellerman, bechongiwe ukuba bamkele lembasa ikwiqondo eliphezulu kwihlabathi. 

Esisithathu sachongwa kwisigaba Somculo ogqwesileyo kwihlabathi, iBest Global Music Perfomance category, ngentsebenziswano abayenze kwingoma ethi “Bayethe”.

UZikode uthe le minyaka imbalwa idlulileyo ibeyengakholelekiyo.

“Ndiziva ngathi ndiyaphupha, ukuba sichongelwe ezona mbasa ziphambili zomculo kwihlabathi liphela, kwaye sizakukhuphisana kwimbasa zeGrammy,” itshilo le mvumi ithengise amacwecwe aphindaphindiweyo ayokufikelela kwisigaba sePlatinum kwingxelo yonondaba.

Enemincili ngokuzimasa nokonwabisa uluntu kulomsitho wonikezelo mbasa wamashumi amathandathu anesihlanu, ubhale wenjenje kwikhasi uTwitter ngoMvulo: “Ndiya eLos Angeles ndiyokuzimasa umsitho wamashumi amathandathu anesihlanu weeGrammy Awards njengomtyunjwa. Ndiyabulela ngesimemo”

Ukanti uBantwini, ongakhange akwazi ukuzibamba yimincili, ucaphule umpapasho weliziko leeGrammy kuTwitter othi: “Umntwana waKwaMashu kwiqonga le#Grammy.” 

Ingqonyela yenkampani iIMG Africa engungqondongqondo walentsebenziswano uSibo Mahlangu uthe: “Sonwabe kakhulu ukuya kumela ilizwe loMzantsi Afrika kwimbasa ezizayo iGrammy Awards.” 

Ukuhlonitshwa kwesisibini kunye noKellerman uthe iculo elithi “Bayethe” libengumsebenzi oveliswe kwinqanaba lehlabathi. 

“Lithetha ngokuchubeka kunye netalente engenakuphikiswa yalamagcisa omathathu, kwaye sinelunda ngenene ukukwazi ukubonisa umsebenzi wethu kwinqanaba lehlabathi,” utshilo.

Lomnyhadala ucwebezelayo uzakuqhuba ngomhla wesihlanu kwinyanga yoMdumba.

Umfanekiso ongasentla: Nomcebo Zikode

Imvelaphi yomfanekiso: @Nomcebozikode