
Ngu Micheal Madyira
Iofisi yomphathiswa wesebe lezotyelelo izikhabe ngawo omane iingxelo zokuba iceba ukuxhasa iqela lebhola edlala kwiPremier League Tottenham Hotspurs.
Umphathiswa wezotyelelo uLindiwe Sisulu uzibekele kude nengxelo yenkcithomali efikelele kuR1 billion njengoko ibangele ingxokolo kumakhasi ezonxibelelwano.
Ingxelo epapashwe liqonga leendaba iDaily Maverick ibonakalisa ukuba uMzantsi Afrika uceba ukutyikitya inkxaso mali efikelele kuR1 billion neqela leSpurs, ibangele ingxokolo kumakhasi ezonxibelelwano kuquka nakwimibutho ephikisayo.
Ngokobungqina obubonwe leliqonga, lengxelo ibanga ngelithi urhulumente, ngokusebenzisana ne arhente yeentengiso iSA Tourism, uphonononga isicelo sokuxhasa eliqela lidlala kwiPremier League iminyaka emithathu.
IDaily Maverick ithe, imithombo yayo ethembekileyo ibaxelele ukuba uSisulu ufuna esisivumelwano siphumelele ngaphambi kokuba umongameli uCyril Ramaphosa ahlenga hlengise isigqeba sakhe.
Izicwangcwiso yayizezokuba, lenkxaso mali ibhengezwe nguRamaphosa ngethuba esenza intetho emalunga nobume besizwe, ngomhla weshumi kwinyanga yoMdumba.
Esisivumelwano neqela leSpurs senziwa ngenjongo yokuthengisa ilizwe loMzantsi Afrika njengelihamba phambili kwezotyelelo, ngokufanayo neRwanda esebenzisana neArsenal kunye neParis Sain-Germain okanye iAbu Dhabi exhasa iManchester City.
Kodwa iofisi yomphathiswa wezotyelelo iyiphikile lengxelo isithi kusalindeleke ukuba uSisulu aziswe malunga nesisivumelwano senkxaso sicetywa yiSA Tourism.
“Lengxelo kuthethwa ngayo ngumbandela ojongwe yibhodi yeSAT [SA Tourism], kwaye umphathiswa uSisulu ubengeka caciselwa ngokusesikweni yibhodi,” itshilo iofisi yomphathiswa wezotyelelo kwimbalelwano.
“Njengayo nayiphi na ibhodi, ibhodi yeSAT izimele kwaye umphathiswa uSisulu akanako ukuphazamisa izigqibo zayo. Kona kona, isiphakamiso seSAT senzelwe ukuqukumbela isivumelwano sentsenbenziswano kunye neqela lebhola ekhatywayo iTottenham Hotspur.
Abemi boMzantsi Afrika bacaphuka ngokumandla sesisivumelwano sicetywayo sokuxhasa iSpurs, bambi besithi oku kubonakalisa ukungakwazi kucwangcisa izinto ezibalulekileyo, ingakumbi kwilizwe elijamelene nemiceli mngeni yiqoqosho olungazinzanga kunye nemeko yokuhlala engentlanga.
Umbutho ophikisayo iDemocratic Alliance ichaze ezizicwangciso “njengeziphambeneyo” kunye nendelelo ebusweni boluntu lonke loMzantsi Afrika ekuzakusetyenziswa imali yakhe yerhafu ukuxhasa iqela lebhola ekhatywayo elikumgangatho wehlabathi”.
Umfanekiso ongasentla: Ibala lemidalalo leqela iTottenham Hotspur
Imvelaphi yomfaneksio: Tottenham Hotspurs