Balala ngaphandle kwamasango eDyunivesithi ngethemba lokufumana indawo

Ngu Lungani Zungu

UNombuso Mkhize uxhobe ngengubo kunye neziphumo zakhe zebanga leshumi kuphela. Akanakutya okanye imali, Kodwa unomnqweno wokuphucula ubomi bakhe. 

Lo kaMkhize uneminyaka elishumi elinethoba, usuka kwilali yaseBangamaya kwaNongoma, kumgama ongamakhulu amabini anamashumi asibhozo ekhilomitha kumantla eTheku. Ngomnye wabafundi abadela ingqele yobusuku, belala phandle ngaphandle kwedyunivesithi iMangosuthu University of Technology (MUT). Bonke ababafundi balangazelela ukufumana isithuba sokufunda kuledyunivesithi izinze eMlazi. 

UMkhize oko elala ngaphandle kwamasango aleDyunivesithi ukusukela ngoMvulo, ukuqala kobhaliso lwabafundi. 

Nangona ejamelene nale ngxaki, akaphelelwanga lithemba. Ufuna ukubhalisa ukuze usapho lwakhe kunye nelali yakhe izingce ngaye.

“Ndizoqhubeka ndilwela Ikamva lam, nokuba oko kuthetha ukulala ngaphandle kwamasango aledyunivesithi. Eli likamva lam kwaye ndizakulilwela,” ufunge wenjenje. 

UMkhize uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba ufundela izifundo zezimali iAccounting, ezakuba sisiqalo sohambo lwakhe njengoko ejonge ukuba yiChartered Accountant, eli liphupha lakhe esakhula. 

Ufuna ukubhalisa, enethemba lokuba iqumrhu lenkxaso mali yabafundi iNational Student Financial Aid Scheme (NSFAS) izakuzibhatala iindleko zendawo yokuhlala. 

Idyunivesithi iMUT iyaqhuba nokubhalisa abantwana abazakwenza unyaka wabo wokuqala. 

UThabiso Ngcobo waseMandeni kumantla ephondo laseKZN, oko ehamba efola kwimigca emide kuledyunivesithi ukusukela ngoMvulo kodwa akakabhalisi.  

Noxa kunjalo, lomfundi uneminyaka elishumi elinethoba usenethemba lokwenza izifundo zobunjineli. 

“Ndiphila ngentetho ethi ‘ukuba akukho ntlungu akhukho nzuzo’. Ndinethemba lokuba iintsuku zam zokulala ngaphandle kwale dyunivesithi, nokuhamba kweentsuku ungatyanga sizakuvuzwa sonke noogxa bam endinabo apha,” utshilo. 

Intlungu abaphila kuyo ababafundi, ibenze bamanyana. 

“Sijongana njengo sisi no bhuti. Kwaye sabelana ngamabali, namaphupha okuba sifuna ukuba zintoni emva kokuba sigqibe izifundo zethu, kwiminyaka embalwa ezayo,” utshilo uNgcobo. 

Le dyunivesithi ikhuphe amaqela azula zulayo ehlola ukhuseleko ngakwindleka iGriffiths Mxenge Highway, owawusaziwa ngeMangosuthu Highway, ukuqinisekisa ukuba abantwana abazakufundaj eMUT bakhuselekile ngalo lonke ixesha. 

UZolisa Gqamane, ongusekela kwintloko yecandelo lobhaliso lwabafundi uthe, le dyunivesithi ikulungele ukwamkela abafundi abatsha. 

Umfanekiso ongasentla: Abafundi ekulindeleke ukuba bangafuda eMUT, balala kuledyunivesithi ngethemba lokufumana indawo 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe.