
Ngu Sandiso Phaliso
Baphila ubomi bentshontsho abahlali baseBrowns farm ePhilippi, kumgama ongamashumi amabini anesihlanu ekhilomitha ukusuka eKapa.
Amapolisa abhengeza indawo yaseBrowns farm njengeyona ndawo ibalaseleyo ngolwaphulo mthetho. Akukho nesinye isikhululo samapolisa esijongene nokhuseleko lwalendawo yamatyotyombe ineengingqi ezilishumi elinanye.
Abahlali bavuya ngokumangalisayo ngethuba uceba wabo uMelikhaya Gadeni ebhengeza kwintlanganiso eyayibanjwe ngenyanga yoMsintsi ukuba ufikelele kwisivumelwano nenkonzo yesipolisa iSAPS eNyanga, iinkokheli zasekuhlaleni kunye nesigqeba samapolisa asekuhlaleni. Amapolisa kwakulindeleke ukuba aqalise ukusebenza ekupheleni kwalonyanga esebenzela kwiholo yoluntu iBrowns Farm community centre.
Kodwa, sele kuphele iinyanga ezine ngoku, akabonakali nangotshengele amapolisa.
Kwimpela veki ephelileyo, kwintlanganiso ebigcwele ithe ntli luluntu lwengingqi, uGadeni ubuze inkumanda yamapolisa entsha uLindiwe Dyantyi ukuba kutheni kuthatha ixesha elide kangaka ukuba kubekhona amapolisa kulengingqi. Uphendule ngelithi amapolisa asalinde ukufamana imvume yokusebenzela kwesisakhiwo kumkomishinala wamapolisa wephondo.
Okwangoku, abahlali balommandla baziva bengakhuselekanga kwaphela, kwaye bengenandlela yokuzikhusela.
Ngonyaka ka2021, kwachazwa iziganeko zokubulala ezingamashumi asibhozo anesixhenxe kulommandla. Ukonakaliswa kweemoto, ukukhuthuzwa okumasikizi, ugqekezo lwemizi kunye namatyala okuxhaphaza okusekelelwe kwisini njengeziganeko zemihla ngemihla kulengingqi.
Kubahlali ukuhlala apha liphupha nje elibi. Izithonga zemipu zikhala ubusuku nemini. Izithuthi ezihambisa iipasile zayeka ukuza kulommandla ngenxa yolwaphulo mthetho. Abasebenzi bakwamasipala kufuneka bakhatshwe ngamapolisa xa besiza kulommandla bezolungisa izinto ezonakeleyo.
Isikhululo samapolisa sethutyana esasikwisikhululo sikaloliwe esikufuphi ePhillipi sabhangiswa ebutsheni balonyaka.
Kwakuhleli kungekho mbane ngenxa yokubiwa nokonakaliswa kweentambo zombane okuthe gqolo ukwenzeka. Amapolisa awayesebenza kwesisikhululo aphinda abuyiselwa kwisikhululo samapolisa eNyanga.
Ngoku abahlali banyanzeleka ukuba bahambe umgama wekhilomitha ezilishumi besiya kwisikhululo samapolisa iNyanga, bekwela ngemali engamashumi amabini eeRandi ukuya nokubuya, leyo yimali eninzi kubantu abangasebenziyo kulengingqi.
NgoLwesibini amapolisa axelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba isanikwa ingqwalasela into yokuba amapolisa asebenzise iholo yoluntu iBrowns Farm Community Centre.
Isithethi samapolisa uAndre Traut uthe: “Le nkqubo isaqhuba kwaye amaxesha akanokuqinisekiswa okwangoku.”
UTraut uqinisekisile ukuba isikhululo sethutyana esikwisikhululo sikaloliwe ePhillipi “sanqunyanyiswa ngenxa yokuba isakhiwo sasingekho kumgangatho ofanelekileyo ukuba kwenziwe umsebenzi esiwenzayo”.
Ukanti uthe akugqiba wasidlulisela kwabangasentla kunaye: “Nangona kunjalo, lomba ungaphendulwa ngokufanelekileyo yiofisi ejongene noonondaba kuzwelonke, iNational Media Centre.”
Ngexesha lokupapashwa kwelinqaku, amapolisa kuzwelonke ebengeka phenduli malunga nalomba.
Umfanekiso ongasentla: isikhululo samapolisa sethutyana esanqunyanyiswayo eBrowns Farm
Imvelaphi yomfanekiso: NguSandiso Phaliso