Amapolisa abanjelwe ubusela nokubetha

Ngu Everson Luhanga

Amapolisa amathandathu alele eqamelele ngenqindi ezisele eBoksburg kumantla ephondo laseRhawutini, ngokubetha umnikazi weshishini leentsimbi ahlale kwikhoma nokumbela iintabombo zombane.

Icandelo lophando olukhethekileyo lwamapolisa iIPID ngamafuphi liqinisekisile ukuba amapolisa amane abanjwe ngoLwesithathu ngokubetha, angcungcuthekise ixhoba ngendlela engenalusini lide lilale kwikhoma iintsuku ezilithoba. 

Amapolisa amabini ona, abanjelwe ukubetha ixhoba, elingummi wangaphandle, nokuba iintambo zombane zexhoba. 

Isithethi seIPID uLizzy Suping uthe, esisenzo sothusayo sokubethwa kwexhoba senzeka kwizisele zamapolisa ngomhla wethoba kwinyanga yoMqungu. 

“Ixhoba kunye nabahlobo balo, bafikelwa ngalamapolisa awanyanzelisa ukubona izazisi zawo. Lathi lakuba lingakwazanga ukuveza impepha ezizizo ixhoba, lathathwa lasiwa kwiskhululo samapolisa apho kukholeleka ukuba labethwa lingcungcuthekiswa ngalamagosa,” utshilo uSuping. 

Uthe ixhoba lathathwa lasiwa esibhedlele ukuya kufumana uncedo lwezempilo, apho lichithe khona iintsuku ezilithoba ezilandelayo likwikhoma. 

“Lamagosa mane – usergeant kunye noconstable abathathu – bajamelene namatyala okubetha, ukonzakalisa umntu ngokumasikizi nokuba ngumqobo kwingalo yomthetho.”

Lamagosa mane axelenga kumntla eBoksburg kwicandelo leVisible Policing department. Babanjelwe emsebenzini ngoLwesithathu, kwaye baselugcinweni lwesikhululo samapolisa eBoksbug. Bazakuvela phambi kwenkundla kamantyi eBoksbug ngoLwesine. 

Kwiveki ephelileyo, amapolisa ashicilelwa kumboniso ebukele ngelixa igquba lezikrelemnqa zisiba iintambo zombane ngaphandle kwesikhululo samapolisa iRieger Parks Police station emini lihlabe umhlaba.. 

Umfanekiso ongasentla: Omnye wamapolisa ubanjiwe ngokubetha angcungcuthekise umnikazi weshishini lentsimbi ezindala. 

Imvelaphi yomfanekiso: Inkonzo yesipolisa iSaps