UTrevor Noah uthathe iholide emfutshane wayokucitha ixesha eMexico, kodwa indaba yekama efunyenwe kumthwalo wakhe iphantse yalwenza lude utyelelo lwakhe.
Eli qhula loMzantsi Afrika, liqale ukhenketho lwakhe lwehlabathi alubiza ngeOff the Record world Tour eMelika ngomhla wamashumi amabini kwinyanga yoMqungu, uthe wakubana neentsukwana ezimbalwa zekhefu watyelela kwilizwe laseMexico.
Kodwa uthe xa ebuyela kwilizwe laseUnited States, ngaphambi kokuba kuqhube umsitho wokunikezela iimbasa i65th Grammy Award, ekulindeleke ukuba zisingathwe nguNoah, walityaziswa ngoonogada besikhululo senqwelo moya.
Ngokuqinisekileyo bekungekho nto inokubangela ingxaki kumthwalo wakhe, andithi? Kodwa amagosa aseMexico ebecingela ukuba kukhona into exhalabisayo kwimithwalo yakhe.
Unobangela wenkxalabo ibiyikama: iAfro Comb. Ewe, ayikholeleki, kodwa kholwa xandisitsho.
“Ikama yathathwa ngoonogada besikhululo senqwelo moya,” ubhale wenjenje uNoah epapasha kwikhasi lika Instagram kunye nomfanekiso.
“Bathe bebengayazi ukuba yintoni.”
Ikama eyiAfro comb akuyonto isetyenziswa kakhulu kwinkcubeko yaseMmexico kwaye ibangele inkxalabo emandla xa ifunyaniswa kwimithwalo kaNoah.
Emva kokuba isombululekile lengxaki, uNoah nenwele zakhe ezingakanywanga, waphindela eLos Angeles.
Umnyhadala wonikezelo lwembasa zonyaka nonyaka i65th Grammy Awards zizakube zisingethwe nguNoah oneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo ngeCawa, nalapho abemi boMzantsi Afrika bezakuzibukela ekuzeni kusa ngoMvulo.
Eli izakube ilityeli lesithathu uNoah esingethe ezimbasa.
“Ngalolonke ixesha ndisiya kumnyhadala weGrammy ndifumanisa imvumi entsha ebendikade ndingayithatheli ngqalelo, ebendingayithathi ngezizathu ebekufanele zindenza ndiyithande,’ utshilo uNoah kwinkqubo kaStephen Colbert ethi The Late Show.
Iqukunqwe ngu Dylan Bettencourt
Umfanekiso ongasentla: NguTrevor Noah
Imvelaphi yomfanekiso: @TrevorNoah