Usomaqhuzu waseAlex ubhabhela emanqwanqweni

Ngu Zukile Majova

Undaba mlonyeni wokuhlengahlengiswa kwesigqeba sika mongameli awufikanga ugalelekile.

Oyena mntu uphumelele emagqabini yindoda enefuthe elibukhali kumbutho weANC eRhawutini uPaul Mashatile, ozakungena ezihlangwini zika David Mabuza njengosekela mongameli. 

Enye yamadoda ekulindeleke ukuba iwugcine umsebenzi wayo ngumphathiswa wesebe lezamandla nezimbiwa uGwede Mantashe. 

Omnye wemiyalezo ephumele elubala emva kweentsuku ezine kubanjwe iintlanganiso zizikhulu zombutho weANC ngowokuba “Myekeni uMantashe”.

NgoLwesithathu umongameli uCyril Ramaphosa uzakwenza inkqubo yokuvula isigqeba sakhe sokuqala emva kwenkomfa yonyulo yombutho weANC, icabinet lekgotla.

Into yokuqala elindelekileyo ngolusuku, kukuba kususwe bonke abaphathiswa abangaqondakaliyo, abebesoloko bejongela phantsi ulawulo lwakhe. 

Intlanganiso ebalulekileyo yezicwangciso ngaphambi kwentetho yobume belizwe kunye nohlahlo lwabiwo mali, ayikwazi ukuqhubela phambili kusekho ababaphathiswa baphumayo.

Kwaye wonke umntu ozakuba yinxalenye yesigqeba sika mongameli, kulindeleke ukuba abekhona kwinkqubo iCabinet lekgotla. Oku kuyamnyanzelisa uRamaphosa ukuba ekugqibeleni akwazi ukususa umthwalo emagxeni akhe. 

Kwiveki ezimbalwa ezidlulileyo umbutho weANC ubulungisa uluhlu lwamaphondo ukuhlahla indlela yamalungu angengomalungu epalamente, ekulindeleke ukuba bachongwe abeyinxalenye yesigqeba sikamongameli ukuze babengamalungu epalamente. 

Ngokomthetho, amalungu esigqeba sikamongameli kufuneka abengamalungu epalamente kuqala. 

Kwangoku, amanye amalungu epalamente arhoxisiwe njengenxalenye kokuhlahla indlela yamalungu amatsha.

Kwiphondo laseKZN umzekelo, umphathiswa wesebe lakwaCogta usihle Zikalala wonyulwa njengelungu lokuqala kuluhlu lwamalungu angamashumi asibhozo esigqeba esilawulayo sombutho weANC, kodwa akalilo ilungu lepalamente. 

Oku kuyafana nokwenzeke kulowo wayesakuba ngusodolophu waseJohannesburg uParks Tau, uDavid Makhura owayeyinkulu baphathiswa yephondo laseRhawutini  kunye noMashatile, bonke ngabaseRhawutini  kwaye abangomalungu epalamente.

Amagama abo aphakanyiswa kuRamaphosa sisigqeba sekomiti elawulayo yombutho weANC eRhawutini. 

Amalungu alindeleke ukuba akhutshwe kwisigqeba sikamongameli ngabantu abafana nomphathiswa wesebe lorhulumento ngokubambisana nemicimbi yemveli uNkosazana Dlamini Zuma kunye nomphathiswa wesebe lezotyelelo uLindiwe Sisulu, abebesoloko bephambili ukumemelela ukususwa kukamongameli esihlalweni. 

Abanye abazakudliwa lizembe, baquka umxhasi omkhulu kaZuma umphathiswa wesebe lezemidlalo, inkcubeko nobugcisa uNathi Mthethwa. Abanye baquka abo bangazange bonyulwe kwisigqeba sekomiti elawulayo yombutho weANC abafana nomphathiswa wamaqumrhu karhulumente uPravin Gordhan, umphathiswa wemicimbi yamazwe angaphandle uNaledi Pandor kunye nosekela mongameli uDavid Mabuza.  

Ukanti kukhona nesikhewu somphathiswa wesebe lemisebenzi karhulumente kunye nolawulo, esavuleka ngethuba kuhamba uAyanda Dlolo esiya kuxelenga kwiWorld Bank.  

Isithuba sokugqibela, sesomphathiswa wesebe lezothutho uFikile Mbalula, othathe isihlalo esisisigxina eLuthuli House, njengonobhala jikelele wombutho weANC.

URamaphosa ukwaphantsi koxinizelelo njengoko kufuneka eqinisekise umakulinganwe ngokwesini kwisigqeba sakhe, nangona ikomiti elawulayo yonganyelwe ngamadoda. 

Umzekelo, akukho nelinye ilingu elingumama kuluhlu lwamalungu okuqala alishumi elinanye esigqeba seNEC.