
Ngu Buziwe Nocuze
Yiminyaka emihlanu uElias Sopazi ethengisa amaqanda kwibala lezemidlalo iVuyiseka Sports ground ePhilippi eKapa, kwaye ucinga ukuba ngumbono oqaqambileyo lowo.
USopazi ngutata wabantwana abasibhozo, osele esidla umhlala phantsi kwaye uhlala ePhilippi eKapa uthengisa amaqanda, kuba engafuni kuboleka mali ngelixa esalinde imali yakhe yesibonelelo sobudala.
Uthengisa amaqanda angamashumi amathandathu ngosuku, ebiza iR1,50 ngalo lilinye, nto leyo imenza afumane amashumi alithoba eeRandi ngosuku.
“Ukuthengisa amaqanda kwaba sisigqibo esilungileyo,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.
“Sirhola ekuqaleni kwenyanga kwaye ukutya esikuthengayo akuhlali inyanga yonke, kodwa andinaxhala kuba ndisebenzisa imali endiyifumana ngokuthengisa kwam.”
Uthe ayikokuba urhulumente umrholisa izigidi zeeRandi.
“Ndiyayibulela into endiyifumanayo kodwa ayizundenza ndiyeke ukuthengisa ukuze ndenze imali eyongezelelweyo, kwaye ndidinga imali engaphezu kwemali yesibonelelo endiyifumananyo,” utshilo.
Uthe wakhetha ukuthengisa kwelibala lemidlalo kuba abadlali bayalamba emva kwemidlalo.
“Ndiyabakhathalela, bona kunye nabaxhasi babo. Ngamanye amaxesha bayawagqiba onke amaqanda am bafune amanye, kodwa andifuni kuphela ndinamaqanda angathengiswanga,” utshilo.
“Ndiyayibulela inkxaso abandinika yona kunye nokuhlonipha ishishini lam.”
Umfanekiso ongasentla: NguElias Sopazi ethengisa amaqanda kumabala ezemidlalo ePhilippi eKapa
Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze