Ucwangcisa ngobomi bakhe uSjava

Ngu Linda Ximba

Icwecwe likaSjava ebelijongwe ngamehlo abomvu elithi Isibuko, lamkelwe ngezandla ezishushu ngabalandeli bakhe kunye nabathandi bomculo.  

Nangona lemvumi ikwanguye nomlinganiswa isonwabela udumo lwayo, eyonanto iyibeke phambili kukondla usapho lwayo.  

“Okwangoku, injongo yam ephambili kukwenza imali eyaneleyo ukuze ndikwazi ukwakhela umama wam indlu entle enkulu, kuba wakhulisa abantwana bakhe eyedwa ezilalini,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.

“Emva koko, xa sele ndime kakuhle ngokwezimali, ndizakuqweba isibindi nditshate, ndinethemba lokuba ndizakumfumana umntu ondilungeleyo.”

USjava ubangele ingxokolo kumaqonga ezonxibelelwano ngoLwesihlanu odlulileyo ngethuba ekhupha icwecwe lakhe lomculo elifike kwiminyaka emihlanu emva komsebenzi wakhe wokugqibela awawukhuphayo.   

Elicwecwe linengoma ezilishumi elinesibhozo, lithetha kabanzi ngobomi balemvumi nazo zonke izinto adlule kuzo. Ngokokuzalwa, le mvumi nguJabulani Hadebe waseBergville kwiphondo laKwaZulu-Natal. 

Ezinye iimvumi eziyinxalenye yelicwecwe ziquka uEmtee. uSaudi, imvumi zomculo kamaskandi uShwi, uMzukulu kunye noDumakahle, kunye noAnzo osuka kumzimveliso ongowakhe i1020 record label.  

USjava ucacisile ukuba eyona njongo yakhe iphambili kukwakhela umama wakhe indlu, hayi ukutshata. 

Uthe xa ephawula malunga nendlela abalandeli abathetha ngayo ngecwecwe lakhe lakutshanje, uthe ayikholeleki, iyothusa kwaye ibonakalisa ukuba abalandeli bakhe kudala belindele umsebenzi wakhe. 

“Ndiyabulela kuye wonke umntu ondixhasileyo kuleminyaka isibhozo idlulileyo. Ndinethemba lentsebenziswano njengoko luqhubela phambili uhambo lomculo nangamso,” utshilo. 

Icwecwe lakhe elithetha ISipili, kwaye lifanelekile njengoko uSjava esithi lithetha ngendlela ayihambileyo kutsha nje. 

“Ngokwenene ithetha ngamava am, nokukhula njengomntu nanjengemvumi. Ngethuba ndiceba elicwecwe ndahlala iiveki ezimbini ezilalini ekhaya, ndiqulunqa zonke izinto ezenzeke ebomini bam,” utshilo. 

“Ndancediswa ziinkonzo zomvelisi womculo wam endisebenze naye ixesha elide, endikwasebenzisana naye uRuff, ngelixa uDelayed, uWebmoms kunye no Vuyo Manyike bebesabelana ngezimvo malunga nendlela ekufuneka lihambe ngayo elicwecwe, kwaye beshicilela umculo wokuqala kunye namazwi elicwecwe.’

Iingoma ezifana nethi “Thixo”, “Amakhehla”, “Ithuna”, “Amaphiko” kunye nethi “My Life” sele zidlala konomathotholo oko lithe laphuma ngokusesikweni elicwecwe. 

Umfanekiso ongasentla: NguSjava 

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter