
Ngu Doreen Mokgolo
UTinny Nkgudi unyamezele ukuxhatshazwa ngumyeni wakhe iminyaka engamashumi amathathu, kwaye ngentseni yangoMvulo kutyholwa ngelithi umbulele.
Ukunqanda umzukulwna wakhe oneminyaka esixhenxe owayekhala efuna uncedo, umrhanelwa wamtshixela ewodrophini, emgrogrisa ngokumbulala.
Kutyholwa ngelithi, lendoda ineminyaka engamashumi amahlanu anesithathu ibethe uTinny ngocelemba, kunye nomhlakulo, yonakalisa ubuso bakhe, yamophula iingalo zombini waphunyelwa nangamazinyo.
Ekuhambeni kosuku, intombi yexhoba uCarol Modjadji, wakhathazeka xa efika kokwabo kutshixwe ngaphandle ngethuba evela emsebenzini, njengoko wayesebenza ebusuku.
“Ndazama ukutsalela umama umxeba kodwa imfono mfono yakhe yayivaliwe. Ndothuka ndikhathazekile, kodwa ngoncedo lomakhelwane sagqiba ukuba sigqekeze ucango ukuze sikwazi ukungena.
“Ndandikhathazeke ngokhuseleko lonyana wam, ngoko nangoko ndabaleka ndaya kwigumbi lokulala. Waphuma ebaleka ewodrophini, esoyika,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.
UCarol uthe unyana wakhe wamxelela ukuba utatomkhulu wakhe ubethe uninakhulu ngomhlakulo kwaye umgrogrise ngokumbulala naye.
“Ndafika umama engekho zingqondweni elele kwichibi legazi lakhe. Emva koko wachaza ngongasekhoyo ngabasebenzi boncedo lokuqala lwezempilo,” wongeze kanjalo.
UCarol uthe wakhula ephila noloyiko lokuba ngenye imini utata wakhe uzakubulala umama wakhe.
Olusapho, alusakwazi nokubala ukuba mangaphi amatyeli umama wabo efaka izithintelo zenkundla ngaku tata wabo.
Wayebanjelwe ukubetha uTinny ngenyanga kaCanzibe, kodwa waphinda wakhululwa ngenyanga yoMsintsi.
UCarol wongeze ngelithi usapho kunye nabahlobo bamcenga umama wakhe ukuba amamkele kwakhona utata wakhe abuyele ekhayeni ngenyanga yeDwarha, bebanga ngelithi usifundile isifundo. Kodwa kwiveki nje ezimbalwa ebuyile waqalisa kwakhona ukuxhaphaza inkosikazi yakhe.
Isithethi samapolisa iEMPD uLieutenant Colonel Kelebogile Thepa uthe umrhanelwa wabanjwa ngoMvulo, emva kokuba behletyelwe indawo azimele kuyo.
“Imfonomfono yexhoba yafunyanwa kumrhanelwa, kwaye wayikhomba ngokwakhe indawo abeke kuyo iimpahla awayezinxibile ngethuba ebetha ixhoba, ezifihle phantsi kwebhedi.
“Umrhanelwa ubanjiwe kwaye uzakuvela phambi kwenkundla kamantyi eTsakane ngokukhawuleza,” utshilo.
Umfanekiso ongasentla: NguTinny Nkgudi
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe