Usodolophu waseJoburg umile kwisiphakamiso sokuboleka iR2 Bhiliyoni

Ngu Zukile Majova

UAbubakar Thapelo Amad, owongamele uhlahlo lwabiwo-mali lomasipala wesixeko saseJohannesburg olufikelele kwiR77.3 yeeBhiliyoni ngomyinge nje wepesenti enye kuphela, kungoku nje ufuna imali mboleko efikelele uR2 bhiliyoni. 

Lenkokheli yombutho iAI Jama-ah eRhawutini, yazigqatsela isihlalo sokuba yintloko yonyulo lwenyanga yeNkanga ngonyaka ka2021. Kodwa iphulo lakhe lakhatywa ngumyinge wamashumi alithoba anethoba yabavoti baseJohannesburg, nalapho umbutho wakhe wafumana izihlalo ezintathu kuphela kwibhunga elinezihlalo ezingamakhulu amabini anamashumi asixhenxe. 

NgoMvulo, kungaphelanga neyure emva kokuba efungiswe ngokusesikweni njengo sodolophu womasipala ombaxa omkhulu kubo bonke, uAmad uthe into yokuqala ekufuneka yenziwe kukuba kufunyanwe imali mboleko efikelele kwiR2 bhiliyoni.

Usodolophu weDA okhutshiweyo uMpho Phalatse waba ngowokuqala ukuba adakance isicelo semali mboleko yeR2 billion kodwa sakhatywa amatyeli ade amabini libhunga lalo masipala. 

UAmad uthe: “Lemali mboleko ixabisa iR2 bhiliyoni, sizakuyiphumeza. Apho sikhoyo ngoku, sikulungelele ukuba siyiphumeze ngokwamanani.” 

Sele enikwe negama lokuba “ngusodolophu wesipeleti” ngumbutho weIFP, uAmad ulindeleke ukuba abekule ofisi iinyanga ezintathu ukuya kwezintandathu. Ebhengeza izicwangcwiso zakhe ngoMvulo uthe, uceba ukuvala izikhewu zabasebenzi abakulawulo oluphezulu lwesisixeko. 

Sele kuphele iminyaka emithathu esisixeko sisebenza ngaphandle komanejala. “Sicebisa ukuba kuvalwe izithuba ukuze iofisi kamanejala womasipala isebenze ngendlela efanelekileyo, kunye neofisi ka CFO.”

Kutsha nje, uxelele iqonga leendaba iNewzroom Afrika ukuba eyona nto iphambili kwizinto afuna ukuzenza njengosodolophu kukuvala imingxuma ezindleleni zesisixeko. Uzityeshele ngokukhawuleza izicwangcwiso zakutsha nje zesisixeko zokuba sifumane imali efikele kumakhulu amane ananye ezigidi zeeRandi, ukuze sikwazi ukuncedisa ukuze kungamiliselwa isigaba sesithathu sokucinywa kombane. 

UPhalatse wathi esisicwangcwiso siphunyezwe yiCity Power sizakuqala ngokuba kufakwe imali engamashumi amabini ezigidi zeeRandi,

 “ukuze kulungiswe izikhululo ezibini ezisebenzisa irhasi. Oku kuzakunyanzelisa isixeko ukuba sithenge idiesel ezakwenza lomsebenzi. Kwangoku ezizikhululo zibini zitshisa amafutha ediesel azilitha ezifikele kwiwaka namakhulu amabini ezigidi. Xa kusetyenziswa imali efikelele kwizigidi ezingamashumi asibhozo anesihlanu ezigidi zeeRandi ngenkqubo iripple relay system, iCity Power izokwazi ukunciphisa ukusetyenziswa kwamandla zizixhobo ezitya umbane kakhulu ezifana negeyser ezenza amanzi abeshushu, izixhobo zokupompa amanzi endawo zokudada emakhaya kunye nezinye. Oku kuzakucutha inkcitho yombane ngokufikelele ku80 MW xa kudingeka icuthiwe.”

IJohannesburg City Power ithe, yalahlekelwa yimali engaphezu kwamakhulu amabini ezigidi zeeRandi kunyaka ophelileyo, ilungisa amaziko okuphehla umbane amancinci angamakhulu amathathu anamashumi alithoba, awayonakaliswe ngexesha lenkqubo yokucinywa kombane.