Unxibe okwe nkondekazi ehlola impatho gadala kumaziko karhulumente umphathiswa!

Ngu Zavela Makwabe

Umphathiswa wesebe lophuhliso loluntu kwiphondo leMpuma Kapa uBukiwe Fanta, ungene ezihlangwini zabemi beli, ngethuba ezenza inkondekazi ngeenjongo zokuhlola impatho efunyanwa luluntu kumagosa esebe.

Kuthe xa kufika izikhalazo malunga nendlela oluphathwa ngayo uluntu kwiziko lakwaSASSA eLusikisiki, waqonda ukuba ufuna ukuzibonela ngokwakhe impatho kwezi ofisi. 

Ugqibe kwelokuba anxibe njongomama omdala wasezilalini – ethwele iqhiya, ebhinqele netyali esinqeni – wagaleleka kweli ziko efuna ukuzibonela. 

“Izikhalazo zimalunga nokuhamba ngonyawu lonwabu kweenkonzo kubantu abafuna incedo kwi ofisi zakwaSASSA kunye nempatho gadalala efunyanwa luluntu kwezi ofisi. Bendingafuni  babone ubuso bam, yiyo lonto ndiye ndinxibe oluhlobo,” utshilo uFanta kamva echazela iqonga leendaba iScrolla.Africa. 

NgoLwesine nango Lwesihlanu kwiveki ephelileyo, uFanta ubehleli kwizitulo ze ofisi zakwaSASSA eLusikisiki naseSajonisi njengaye nawuphi na umhlali ozofuna uncedo kwezi ofisi. 

UFanta uthe ukholelwa ekuba indlela aphathwa ngayo umntu, yiyo emnika ithemba, nesidima nokuba ingxaki yakhe ayifumananga sisombululo.  

Ngokuka somlomo wakhe, iziphumo zophando lwakhe kwezi ofisi zizakubangeka ukuba abambe intlanganiso nentloko ekhokhele iofisi zakwaSASSA kulengingqi baqulunqe le miba, “bakwazi ukufumana izisombululo ezizakuqinisekisa ukuba abantu bafumana iinkonzo ezincumisayo”. 

Ethetha neqonga leendaba iScrolla.Africa ngeCawa, isithethi sika Fanta uBusisiwe Jimsana-Mantashe uthe, umphathiswa ophinde waziveza kamva ukuba ungubani, ubetyelele kwezi ofisi ehamba yedwa kuba engafuni bambone ukuba ungubani. 

Phakathi kwezinto ezingafanelekanga anethemba lokuba zizakulungiswa, yindlela abasebenzi abathetha ngayo nabantu abafuna uncedo, nendlela abaziphatha ngayo. 

“Kufuneka iphuculwe indlela abaphathwa ngayo abantu. Abasebenzi khange baziphathe ngendlela ebonakalisa isakhono okanye bathethe nabantu ngendlela efanelekileyo.”

“Enye into angakhange ayithande kukuba, ngethuba besebenza abasebenzi bayancokola bekhwazana omnye ekude nomnye,” utshilo uJimsana-Mantashe.

Bephendula kwimbalelwano epapashwe ngumphathiswa kumakhasi ezonxibelelwano, abantu babalise iziganeko zempatho gadalala abayifumana kubasebenzi bakwaSASSA. 

UZizipho Maqhutywa ubalise ngendlela umsebenzi oyindoda awamthuka ngayo, embiza isikrelemnqa ngethuba eye kubhalisela imali yesibonelelo sokunceda yena nomntwana wakhe ngonyaka ka2017.

UMaqhutywa uthe, lendoda zange imvumele nokuba achaze ukuba isivumelwano sengqesho ebenaso norhulumente sifikelele esiphelweni.  

“Ndaphuma kwi ofisi yakhe ndinyembezana, kwaye soze ndiyilibale indlela awandiphatha ngayo,” utshilo.

Umfanekiso ongasrentla: Umphathiswa uBukiwe Fanta ezenze uGogo 

Imvelaphi yomfaneskiso: Uthunyelwe.