Ingaba uzakuba yinxalenye yesigqeba sika mongameli uZikalala?

Ngu Lungani Zungu

Ukubekwa kuka Sihle Zikalala kwindlu yowiso mthetho yeli, kuvuse amarhe okuba kungenzeka lo owayesakuba yinkulu baphathiswa yephondo laKwaZulu-Natal usethubeni lokuba ngumphathiswa kwisigqeba sika mongameli. 

Umongameli uCyril Ramaphosa kulindeleke ukuba ahlengahlengise isigqeba sakhe kwezi veki zizayo. 

Isikhewu esashiywa ngulowo wayesakuba ngumphathiswa wesebe lemisebenzi karhulumente nolawulo uAyanda Dlodlo, owashiya kuba eyakuxelenga kwiWorld Bank ngenyanga kaTshazimpuzi, kufuneka sivaliwe.  Ukanti kurhaneleka ukuba usekela mongameli wombutho weANC uPaul Mashatile ulindele ukuthatha isikhundla sika David Mabuza. 

Nabanye abaphathiswa kwisigqeba sikamongameli bangazibona besikwa, ukuze bavulele indlela abaphathiswa abatsha kwezizikhundla. 

Omnye wabaphathiswa abashiyayo kwisigqeba ngu Fikile Mbalula – owonyulwa ukuba abengunobhala jikelele wombutho weANC kwinkomfa yonyulo eyayibanjwe ngenyanga yoMnga – nto leyo ithetha ukuba kufuneka ashiye kumsebenzi wakhe njengomphathiswa wezothutho.  

UZikalala, owayesakuba ngusihlalo wombutho weANC kwiphondo laseKZN, wayesakuba ngumxhasi othembekileyo kulowo wayesakuba ngumongameli weli uJacob Zuma. Kodwa watshintsha amacala walandela iqela elixhasa uRamaphosa emva kwenkomfa yonyulo yombutho weANC ngonyaka ka2017. 

Ukusukela ngoko, kwafuneka anyamezele ukugxekwa liqela elizibiza ngeRET Faction elihambelana noZuma, elalisoloko limtyhola ngoku ngcatsha uZuma. 

Lo msindo banawo ngakuZikalala, wabangunobangela  wokuphulukana kwakhe nokuba ngusihlalo walo mbutho weANC eKZN kwinkomfa yonyulo yelaphondo eyayibanjwe ngenyanga yeThupha kunyaka ophelileyo. Waphulukana nesishlalo sawela ezandleni zelungu elalingena ndumasi ngeloxesha uSboniso Duma. 

Emva koko iinkokheli ezintsha zeANC kwelaphondo zamehlisa esihlalweni senkulubaphathiswa emva kwenkomfa, wabekwa njengomphathiswa wesebe lorhulumento ngokubambisana kunye nemicimbi yemveli. 

Noxa kunjalo, ukuzimanya kwakhe neqela elixhasa umongameli uCyril Ramaphosa kwamsebenzela kakhulu, kuba emva kwenkomfa kazwelonke yeANC wonyulwa njengelungu lokuqala kumalungu angamashumi asibhozo anesithandathu esigqeba esilawulayo kumbutho weANC, efumene iivoti ezingamawaka amabini anamakhulu amabini aneshumi elinesibhozo. Isigqeba seNEC sesona sikwinqanaba eliphezulu esithatha izigqibo ezibalulekileyo kumbutho weANC ngaphandle kwenkomfa. 

UZikalala usebenze njengomphathiswa wesebe lorhulumento ngokubambisana nemicimbi yemveli wade wabe uyalahla kwesisikhundla namhlanje. 

Ngaphambi koku, wasebenza njengo mphathiswa wesebe lophuhliso loluntu kwiphondo laseKZN, nalapho wayeqala ukusebenza kurhulumente emva kokonyulwa kwakhe abengusihlalo weANC eKZN ngonyaka ka2015.

Ngaphambi koku, uZikalala wayengenalo ulwazi malunga nokusebenza kurhulumente. “IANC iyambulela uZikalala ngokusebenzela lombutho ngendlela encomekayo,” utshilo umbutho weANC wephondo laseKZN.  

Inkulubaphathiswa uNomusa Dube-Ncube uzakubeka umphathiswa omtsha ozakungena endaweni kaZikalala. 

Umfanekiso ongasentla: Lowo ubesakuba yinkulubaphathiswa yephondo laseKZN uSihle Zikalala, obekwe kwindlu yowisomthetho ngumbutho weANC yephondo laseKZN 

Imvelaphi yomfaneksio: @sziks