UMakhadzi ubaleka nemali yomququzeleli

Ngu Linda Ximba

Inkosazana yamdaniso nomculo yaseLimpopo uMakhadzi, kungenzeka isiwe kwiinkundla zamatyala ngenxa yentlawulo awayifumanayo kwisimemo somsitho angazange awuzimase.  

Ngokutsho komququzeleli walomsitho uRabelani Madula, lemvumi yaziwa ngeculo elithi Ghanama imkweleta imali engamashumi amabini amawaka eeRandi, kwaye sele kuphele iinyanga imbaleka njengoko ezama ukuba abuyise lemali. 

Uthe, wenza isicelo sokuba uMakhadzi azokonwabisa kumcimbi owawubanjelwe eMelrose Arch eJohannesburg ngomhla wamashumi amabini ananye ngenyanga yeThupha, kodwa zange afike ngexesha ebabevumelene ngalo. 

“Kwakufanele abeseqongeni ngentsimbi yeshumi elinanye kuba sivala ngentsimbi yeshumi elinesibini, kodwa yena wafika ngqo ngentsimbi yeshumi elinesibini. Saphinda senza isivumelwano sokuba abuye kwakhona azocula kwinkqubo yam yangeCawa uma wesine kwinyanga yoMsintsi,” utshilo uMadula. 

“Sasilindele ukuba asihloniphe isivumelwano kodwa zange afike, washiya iqela lam kunye nabalandeli bephoxekile. Wathi esona sizathu sabangela ukuba angazi kukuba wayefumene isimemo eBotswana.”

Umququzeleli walomsitho uthe uMakhadzi wathembisa ukuyibhatala lemali emva kokuba ecule kumsitho wakhe eyedwa ngomhla wokuqala ngenyanga yeDwarha. “Kodwa kunanamhlanje, akakayihlawuli lemali. Akayibambi iminxeba yam, engaphenduli nemiyalezo endimbhalela yona.”

“Ndathi ndidibene naye kumsitho owawubanjwe eGiyani eLimpopo ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kwinyanga yoMnga, wandithembisa ukuba uzakundibhatala kodwa uyandibaleka. Sele ndithethile negqwetha lam ukuba lilandelele lomba. Uyaphoxa, kwaye soze ndiphinde ndim meme kwakhona,” utshilo uMadula. 

UMakhadzi khange afumaneke ukuba aphawule ngesisityholo, kodwa uAdvocate Nkanteko Maluleke, osebenzela inkampani ejonge lemvumi iOpen Mic productions uthe, bona banalwazi ngelinyathelo lomthetho ngakulemvumi. 

“Kucacile ukuba esisivumelwano senziwa ngabo bebobabini. Njengenkampani, akukhonto siyaziyo ngalomba.”

Umfanekiso ongasentla: UMakhadzi 

Imvelaphi yomfanekiso: Meggi Online