
Ngu Zukile Majova
Kuguga othandayo, oku kubonakala njengoko inkonde eyayisakuba ngumongameli weli isazimisele ukusebenza.
UJacob Zuma oneminyaka engamashumi asibhozo wonyulwe njengosihlalo wombutho iSouth African National Civic Organisation, kwiphondo laKwaZulu-Natal kwinkomfa entsukumbini eqhubayo eThekwini.
Umbutho weSanco ongasenandumasi, wawukade ungumbutho ohlonitshwayo ngokulwela amalungelo oluntu, owalwela ukuba abantu bafumane iinkonzo ezingundoqo.
Ifuthe lawo ekuhlaleni, lwawenza ukuba ubeyinxalenye yonxantathu okhokhelwe ngumbutho weANC, isebenzisana neCosatu kunye neSACP ngeminyaka yo1990.
Kulemihla, nangona sele yaphelelwa lifuthe, iSanco liqonga elibalulekileyo koosopolitiki abasele bephelelwe ngamandla nefuthe abazama ukuvuselela udumo lwabo.
UZuma wafumana inkxaso kwiqaqobana leqela leSanco, oko wathi wagilana nengalo yomthetho.
Elinyathelo lakutsha nje lithetha ukuba uZuma ufumene indlela yokubuyela kwitafile ephezulu kwezopolitiko.
Udumo lwakhe kumbutho weANC lwehlile, kwaye iinkokheli ezintsha zombutho weANC kwiphondo laKwaZulu-Natal zimlahlile zalandela usekela mongameli uPaul Mashatile.
Kodwa ukuba uZuma ukwazile ukuba ngumongameli walombutho wabahlali, uzokwazi ukuwumela kwiintlanganiso zarhoqo zikanxantathu.
UZuma kulindeleke ukuba avuselele lo mbutho ngokuza negqala lo mkhonto wesizwe uCarl Niehaus kunye nowayesakuba ngunobhala jikelele weANC.
Oku kungenza iSanco ibe likhaya elitsha lamalungu azibiza nge RET forces, ekudala ezama ukuchitha ubunkokheli besigqeba sika mongameli uCyril Ramaphosa kuleminyaka mihlanu idlulileyo.
Kodwa ngaphambi kokuba bangane, bacule uKhumbaya, elinye iqela leSanco njengoko yohluke kubini, elikhokhelwa nguLawrence Dube lithi liyiSanco yoqobo.
Umfanekiso ongasentla: UZuma kunye nabahlobo bakhe abatsha bombutho weSanco
Imvelaphi yomfanekiso: @NomsaMd