Oogqirha baqhankqalazela imisebenzi

Ngu Lungi Langa

NgoLwesine oogqirha babhenele ezitalatweni benyanzelisa isebe lezempilo kuzwelonke ukuba liqeshe oogqirha abangaphezu kwewaka abaphuma ezikolweni abangakwazi ukufumana imisebenzi. 

Ngoogqirha abayinxalenye yombutho iSouth African Medical Association Trade Unioun (Samatu) ebebebambe uqhankqalazo kumaphondo amathathu kweli: KwaZulu-Natal, eRhawutini kunye naseMpuma Kapa. 

Unobhala jikelele weSamatu uCedric Sihlangu uthe, kudala bezama ukuthetha thethana nesebe lezempilo ukuba liyinike ingqwalasela into yokuba kuqeshwe oogqirha, kodwa isebe alibaniki ngqalelo. Uthe icandelo lezempilo lika wonke wonke eMzantsi Afrika liphantsi koxinzelelo, kodwa ngogqirha abangaphezu kwewaka abahleli emakhaya bengaphangeli. 

Uthe ingxaki yoogqirha abanganikwayo izithuba zemisebenzi, ingaphezu kokuba ogqirha bengasebenzi. 

“Lilungelo elibalulekileyo ukuba ubani afumane iinkozo zempilo. Silwela abantu abahluphekayo, ababekelwa bucala kwaye abasokolayo ukufumana iinkonzo zempilo ezisemgangathweni.”

Uthe nabo baxhalabile yindlela elenza ngayo isebe lezempilo: oogqirha abangaphangeliyo babexelelwe ukuba isebe alinyanzelekanga ukuba libathathe ngokwesigxina – kwaye mabakhangele imisebenzi kwicandelo lempilo yabucala, okanye balishiye eli. 

Ugqr Nontokozo Maphanga oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu, ngugqirha osaze ngobuso elizweni ongaphangeliyo, uphila ngokumela oogqirha abangekhoyo emsebenzini ukuze akwazi ukuziphilisa. 

Uthe zange acinge ukuba uzakungafumani msebenzi emva kokugqiba izifundo zakhe. Uthe oko wayefuna ukusebenza kwicandelo lezempilo lika wonke wonke, enikezela ngenkonzo zempilo ekuhlaleni apho akhulele khona; kwaye ukholelwa ukuba kulapho oogqirha bafumana amava amaninzi. 

UMaphanga ugqibe, umsebenzi wamava iCommuniy Service ngenyanga yoMnga eBizana kunyaka ophelileyo, uthe nangona beqonda ukuba kukhona ukungabikho kwemali okukhoyo, kukhangeleka ngathi isebe lezempilo aliyithatheli ngqalelo lemeko. 

“Ingxaki kukuba azikho izithuba zomsebenzi ezipapashwayo, okanye zibe mbalwa kakhulu, inye apha, zimbini okanye zintathu kwenye indawo, azonelanga ukuba sizifumane ngobuninzi bethu,” utshilo. 

“Kufuneka siyephi kwaye sizakukhalela kubani xa besithi abanayo imali yokusiqesha?”

Ukuphendula kwisimemelelo soogqirha sangoLwesine, umphathiswa wesebe lezempilo kuzwelonke uJoe Phaahla uthe kucacile kwaye kufanelekile ukuba eli libaqeqeshe oogqirha, okanye libathumele kumazwe aphesheya, lingapheleli ekubanikeni izithuba zomsebenzi kuphela kwisebe.

“Siyavuma oku akwamkelekanga,” utshilo uPhaahla. 

Umfanekiso ongasentla: Oogqirha benyanzelisa isebe lezempilo ukuba liqeshe oogqirha abaselula abangeka fumani zithuba kwicandelo lezempilo likarhulumente

Imvelaphi yomfanekiso: uthunyelwe