Lifezekile iphupha lendodana ebuye esuthwini emva kwexesha

Ngu Buziwe Nocuze

Yamkelwe ngomgidi onesidima indoda eneminyaka engamashumi amabini anesithathu, ngabahlali baseMzamomhle eGonubie.  

Oku kuza emva kweenyanga usapho luka Ayabonga Nyame lukhathazekile, lucinga ukuba unyana walo akanokwazi ukubuyela ekhaya. 

Ngenyanga yenkanga ngonyaka ka2022, uNyame waziba waya kwisikolo solwaluko ngaphandle kwemvume yabazali bakhe. Wayedinwe kukujongelwa phantsi nokuntlokothiswa ngamanye amadoda. 

“Ndandingasakwazi ukunyamezela ukuntlokothiswa nokuhlazeka. Ndandisazi ukuba bazali bam abanayi imali, kwaye babengazo kundivumela ukuba ndandicelile ngaphambi kokuba ndihambe”

Kwathi xa abalingani bakhe awayengene nabo esuthwini begoduka ngenyanga yoMnga, wasala engenako ukutya. “Ndahlala iiveki ezintathu ndingenakutya, kwaye yayi lelona xesha linzima ebomini bam, kodwa kungcono kunokujongelwa phantsi undlandlathekiswa, kuba ndandisazi ukuba ndizakugoduka ndiyindoda.”

Kodwa ngaphandle kongenelelo lwabahlali baseMzamomhle, ngekuba usesehlathini, okanye abulawe yindlala. NgoLwesibini kwiveki ephelileyo, abahlali babengena amanzi, kwanyanzeleka ukuba basebenzise ihlathi ukuzikhulula apho babona lomkhwetha, ehlathin. 

“Ndabona igquba lamanina ehamba ehlathini. Ndababiza kodwa babaleka. Ndagqiba kwelokuba ndisondele ndibize onye wabo ebengasemva. Ndacela ndibongoza ukuba andimamele, kodwa wathi akanokwazi ukusondela kuba ungumntu ongumama kwaye akavumelekanga ukuba athethe nam,” utshilo uNyame. 

Lo watyhini weva ukukhathazeka kwilizwi lakhe, wagqiba kwelokuba amamele. “Ndamxelela ibali lam lonke, kwaye ndamcela ukuba andincede ukuze ndikwazi ukubuyela ekhaya. Wathembisa ukuba uzobuya, kodwa ndandingalindelanga into enkulu oluhlobo.”

Lo wasetyhini wathetha-thethana nabahlali ukuba bancedise, kwaye beza ngobuninzi abantu benceda lendodana. 

“Ndiyabulela kumntu wonke owenze ukuba ndikwazi ukubuyela ekhaya. Ngoku ndiyindoda, isidima sam sibuyile. Ngaphandle kwabo andizazi ukuba ngendiphi namhlanje. Okanye ngendisavaleleke ehlathini ubomi bam bonke.”

Ngethuba uBongiwe Sifolo oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe ebona uNyame, wabaleka kuba wayesoyika. “Waqhubeka endibiza, endicela ukuba ndimamele into azakuyithetha. Ndiyavuya kuba ndema ndamamela nangona ndandisoyika. Abantu basekuhlaleni zangebathandabuze ukumnceda kuba, babeyiqonda intlungu yokuba yedwa kwakhe ehlathini kunye nokuba yintlekisa.”

ULindelwa Tshentu zange akholelwe xa abahlali bengena kwakhe bephethe ukutya neempahla. “Njengomama ndandingakwazi kulala ndisazi ukuba unyana wam uyedwa ehlathini, kodwa kwakungekho nto ndinokuyenza kuba sasisokola.” Wayecinga akuzubakho kutya kumcimbi wokubuya konyana wakhe, kodwa wothuka. 

“Ngeba usephaya ukuba abahlali bebengakhange bangenelele. Ngoku unazo impahla, nayo yonke into edingwa yindodana.”

USolomzi Dyantyi, ongumhlali uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba emva kokuva isicelo sikaNyame, baqonda bengabahlali ukuba kufuneka bencedisile. 

“Sasingenokwazi ukuqhubeka neempilo zethu sisazi ukuba kukhona umntu ovalelekileyo edinga uncedo lwethu. Ndiyavuya kuba sibambisene, sanikeza ngezinto esinazo, sawenza umcimbi wokubuya kwakhe yangongalibalekiyo.”

Umfanekiso ongasentla: NguAyabonga Nyame 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe