Bathandazela imvula abahlali baseNelson Mandela Bay

Ngu Anita Dangazele

Umasipala weNelson Mandela Bay ububambe imithandazo kwiveki ephelileyo, kuthandazelwa imvula njengoko ujamelene nesona somiso sikhulu Kwimbali yalommandla. 

IInkonzo zomthandazo bezibanjelwe kwindawo ezohlukeneyo iveki yonke, kodwa eyona nkonzo inkulu ibibanjelwe kwibala lezemidlalo iGelvandale Stadium eGqeberha ngeCawa. 

Abahlali baseNelson Mandela Bay balisabele ikhwelo likamasipala, baphuma ngobuninzi ukuya kuthandazela imvula. 

Umyinge wamanzi kumadama ahlinzeka lomasipala edityanisiwe ume ku13.83%, kwaye ngumyinge ongaphezulwana kwisibhozo sepesenti olungele ukusetyenziswa. 

Intloko yezopolitiko kwicandelo lonikezelo lwenkonzo kubahlali kulomasipala uRano Kayser uthe, ukholelwa ukuba ungenelelo loMvelingqangi kunye nemithandazo kuzakusisindisa esisixeko. 

“Ibikhona imvula ebifefa iveki yonke, emva kwalemithandazo besiyibambe iveki yonke, kodwa uThixo ufuna thina sonke siqale sibumbane singabahlali, osopolitiki kunye neenkokheli zelizwe sisondele kuye sizithobe sicele imvula,” utshilo. 

Elona dama likhulu kulomasipala Impofu dam, lime kumyinge ka6.87% kwaye amanzi alo akasakwazi kumpontshwa– usodolophu uRetief Odendaal walivala ngokusemthethweni kwimpelaveki edlulileyo. 

UOdendaal uthe ukuba akangeneleli oSombawo kulemeko, esisixeko asinakumelana nalentlekele. 

“Inyaniso emsulwa yeyokuba akukhonto inokwenziwa ngabantu ezakusikhupha kulentlekele. Ukuba uThixo akasithumeleli imvula soze sikwazi ukuqubisana nalemeko.”

Inkqubo yonikezelo lwamanzi iyaqhubekeka nokuphazamiseka, ingakumbi kwimimandla esentshona yesisixeko, ehlinzekwa amanzi lidama iChurchill Dam, nangona inkampani yakwa Eskom yaqala yangafuni ukulibekela bucala elidama ukuba lingacinyelwa mbane. 

Kodwa ngoLwesine, uOdendaal ubhengeze ukuba ekugqibeleni uEskom uvumile ukulibekela bucala, lingacinyelwa umbane idama iChurchill ekulelelona ligcweleyo kulommandla. 

Umlawuli wecandelo lokuhlinzekwa kwamanzi kulomasipala uJoseph Tsatsire uthe: “Ndingathi inkqubo yokucinywa kombane ifana nokugalela ityiwa esilondeni, njengoko oku kuphazamisa ukuhanjiswa kwamanzi koovimba besisixeko.’

Inkokheli zakwalizwi ezisuka kwiinkonzo ezohlukeneyo, bezithetha into enye nenkokheli zikarhulumente zibongoza abahlali ukuba bonge amanzi. 

Umfanekiso ongasentla: Abahlali bommandla waseNelson mandela Bay befolele abanzi

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi ikaFacebook lika sodolophu uOdendaal’s