
Ngu Everson Luhanga
Nabasebenzi benkonzo yesipolisa bayiyidinga impelaveki yokuphumla, bakhe badlalele kude nokuleqa amasela okanye ukukhusela uluntu.
Imibhiyozo yosuku lweNational Police Day, idibanise umbho nomxesibe abasuka kwizikhululo ezohlukeneyo kulo lonke eli, bedibene kwibala lezemidlalo iPeter Mokaba Stadium eLimpopo ngoLwesihlanu.
Bekukho imincili, uthando kunye nomxhentso emoyeni – kwaye inkonzo yesipolisa iqokelele ingxowamali yabantwana abaphulukana nabazali emsebenzini efikelele kwizigidi ezintathu zeerandi (R3 million).
Amagosa enkonzo yesipolisa athathe inxaxheba kumdaniso nezemidlalo ebeziqhuba ngolusuku.
USergeant Reoh Mabunda obekhokhele iqela lomdaniso iXibelani Traditional Dance ezinze eLimpopo ubengomnye wabonwabisi bolusuku, “Ngalolonke ixesha silindeleke ukuba sikhusele abahlali. Umsebenzi wethu ufuna lukhulu kuthi,” utshilo uMabunda.
“Nathi singabantu asijongenanga nolwaphulo mthetho kuphela, okanye ukubamba nokuvalela abantu, kodwa nathi sidinga ukuba senze izinto ezenziwa ngumntu wonke, ezifana nokucula okanye ukudanisa.”
ULieutenant Colonel Thishelimbilu Makungo ubekhokhele iqela lomxhentso yesithili iVhembe District Tshigombela group. Eliqela lithe liyayithanda imvelaphi, kwaye lamkela bonke abantu bazo zonke intlanga abafuna ukuba yinxalenye yomdaniso wabo wolonwabo abasuka kwizikhululo ezohlukeneyo eLimpopo.
Umfanekiso ongasentla: Iqela lomdaniso lephondo iReoh Mabunda Provincial Xibelani group ezinze eLimpopo
Imvelaphi yomfanekiso: NguEverson Luhanga