Isemngciphekweni impilo yabasebenzi bakwa Eskom ngenxa yokucutshwa ngoonqevu

Ngu Everson Luhanga

Oonqevu kulo lonke eli bacuphe abasebenzi bakwaEskom, besongeza kwingxaki ezijamelene neliziko lisokolayo ukunikezela umbane kwelilizwe. 

Iziseko zokuvelisa nokuhanjiswa kombane ziyonakaliswa, kwaye abasebenzi abanoxanduva lokulungisa izixhobo zokunikezela lombane bazibona behlaselwa, bekhuthuzwa, bathunjwe abanye bathathelwe izinto ezibalulekilyo kubo. 

Abanye abazibona bebethwa ngokungenalusini zizigebenga, bayokuvuka esibhedlele bekwimeko engaginyisi mathe. 

Kwisixeko saseJohannesburg, kukho iziganeko ezohlukeneyo apho abasebenzi bathi bahlaselwe, konakaliswe iziseko zokuhambisa umbane ngabarhanelwa abaxhobe ngezixhobo ezikwiqondo eliphezulu. 

Ngomhla weshumi elinesibhozo ngenyanga yeNkanga kunyaka ka2022, umsebenzi weCity Power wabalekiselwa esibhedlele iMilpark Hospital ekwimeko embi emva kokuhlaselwa abethwe eHillbrow. 

URatsele Machethe oneminyaka engamashumi amahlanu anesithathu, owayesebenza kwicandelo lokhuselo lwengeniso iRevenue Protection Unit, wayekunye neqela lakhe besenza umsebenzi wokucima umbane kudederhu lwezakhiwo ezingawubhataliyo umbane eHillbrow. Kwafika igquba labantu abahlala kwezizakhiwo bamhlasela. 

Ababahlali babelugcwabevu ngumsindo bengafuni kucinyelwa umbane, bagrogrisa nangokutshisa isithuthi salomsebenzi.. 

Oludederhu lwezakhiwo lukweleta isixeko saseJoburg imali ephantse ifikelele kwizigidi ezihlanu zeeRandi. 

Isithethi seCity Power uIsaac Mangena uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba uRatsele waxulutywa entloko ephinda phindwa ngesixhobo esasingekho bukhali kunye namatye. 

Ngomhla wamashumi amabini ananye ngenyanga yoMnga ngonyaka ka2022, abasebenzi be City Power banyanzeliswa ukuba badibanise iintambo zombane ngokungekho mthethweni eBezuidenhout Valley, eJohannesburg.

Ababasebenzi baxelelwa ukuba bazakudutyulelwa kwindawo yexhwayelo ukuba abakwenzi oku. Emva koko omnye wabahlali wacinyelwa umbane, wabiza abahlobo bakhe ukuba bamncede. Beza bexhobile, behamba ngezithuthi ezimbini. 

Ngomhla wamashumi amabini kulonyaka, umrhanelwa owayexhobe ngezixhobo ezikhulu wadubula ngembumbulu phezulu, enyanzelisa unogada weCity Power ukuba ashiye umsebenzi wakhe abaleke. 

Lonogada weva abarhanelwa abathathu begqekeza kwindawo ebiyelwe ngekhokrithi eM1 double decker, belungiselela ukungena kwindawo eneentambo zombane ezihlinzeka indawo yaseFordsburg, neentambo zihamba kumzila wethaneli ngaphantsi komhlaba eziya eBraamfontein. 

IAlexanda yenye yendawo ezinobungozi apho oonqevu becupha abasebenzi, kwaye uthotho lweziganeko zokuthunjwa, ukuphangwa kunye kokqweqwediswa ziyabhaliswa emapoliseni. 

Ngamatyeli abalekayo apho ingqonyela yeCity Power uTshifularo Mashava egxeka kabukhali eziziganeko zohlaselo kubasebenzi beliqumrhu, kunye nokonakaliswa kweziseko ngoonqevu. Noxa kunjalo, eziziganeko ziyaqhubeka ngendlela eqhelekileyo.