Igcisa lakwaBulawayo lizoba ngonyawo

Ngu Dalphine Tagwireyi

UNompilo Nkomo oneminyaka engamashumi amane ananye wakwaBulawayo, wazalwa neziphako zomzimba ezohlukeneyo ezinyaweni nasezandleni. Kwaye uyohluleka kukuthetha ngokucacileyo. 

Noxa kunjalo, uligcisa eliphume izandla – iinyawo, njengoko esebenzisa unyawo lwakhe lwasekhohla ukuzoba. Ukhuthaza ithemba ngomsebenzi wakhe owaziwa ngokuba “Luhambo lobomi”.

UNkomo ububungqina obuphilayo bokuba ungakwazi ukutshintsha ubomi bakho ubenze ngcono, ngokusebenzisa isakhono sakho wenze iinkumbulo ezintle ozakuzigcina ubomi bakho bonke. 

“Angeke ndivumele ukuba ndaziwe ngokukhubazeka kuphela; yilonto ndisenza into endiyithandayo,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.

 “Andifuni abantu bandijongele phantsi okanye bandisizele ngenxa yemeko yam, kuba imeko yam ayindim. Mna ndingumzobi.” 

Ukuswelekelwa ngabazali esemncinci zange kumtyhafise. Wakhuliswa ngumakhulu wakhe, owamxhasayo esakhula ukuze akwazi ukuqaqamba kwezobugcisa.

Umsebenzi wakhe uveza ubunyani beemeko ezohlukeneyo uluntu oluphila phantsi kwazo, eziquka imiceli mngeni yasekuhlaleni, iimeko zobomi nokufa, iinkolelo, uqoqosho ukutya, uthando, imiceli mngeni enxulumene nokungalingani ngokwesini, umhlaba kunye nokusingqongileyo.

“Isakhono sam sigxile kwimveliso zomthungo nokuzoba. Imizobo yam ibalisa amabali emihla ngemihla abantu baseZimbabwe,” utshilo. 

Lo kaNkomo uphothule isakhono sakhe kwezokuzoba kwiziko iMzilikazi Art and Craft Centre eBulawayo. Ngoku uchitha iintsuku zakhe ezoba kwindawo yakhe yemveliso zomsebenzi wakhe, kwakule dolophu. 

Umsebenzi wakhe ukhe waboniswa kumaziko emiboniso eZimbabwe, kwiminyhadala eJamani, eTanzania kunye naseNamibia. Eyona mpumelelo yakhe uyifumana ngokuzoba esebenzisa ipeyinti, amaqhosha kunye namakhoba.   

Ukanti uNkomo uphinde abonise umsebenzi wakhe kwiminyhadala yezikolo zabantwana abanemfuno ezikhethekileyo eZimbabwe. Ubomi bakhe nomsebenzi wakhe uwusebenzisa ukukhuthaza nokunika ithemba kubantwana abaphila nokukhubazeka. 

Umfanekiso ongasentla: UNompilo Nkomo kunye nomsebenzi wakhe

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe