AmaXhosa ziinkunzi ngokutya inyama!

Incwadi evela eMount Frere: UZukile Majova uthi imicimbi emininzi ebisenzeka ngaxeshanye ibimnandi – kodwa kungenjalo kwimfuyo.

Xa uqala ukubona abantu bephondo leMpuma Kapa besitya inyama, ndithetha ngabantu abatya inyama mna, ungashiyeka wothukile. 

Ndiqinisekile ukuba pha kumzantsi mpuma weendawo zasemaphandleni eMzantsi Afrika kukho izilwanyana ezinemilenze emibini ezidla inyama ezingapha kwezigidi ezisibhozo.  

Kule minyaka ndinayo engapha kwamashumi amane, ndisamane ndisothuka xa ndingena esibayeni somzi onomcimbi elalini, apho uye ufike kuxhelwe iinkomo ezine ukuya kwezintlanu kumcimbi wekhaya Omnye. 

Izidlo eziloluhlobo ziye zenzelwe ukuqaphela  omcimbi okhethekileyo – njengonyaka emva kokusweleka kwentloko yekhaya okanye umama wekhaya.

Ngumcimbi wokuhlanjwa kosapho luphela njengoko bebezilile unyaka wonke. Abadala nabancinci banxiba izinxibo zesintu – imibhaco emihle kunye neentsimbi ezihambiselana nemvelaphi yamaXhosa njengoko ephuma kwisizwe samaNguni ukuyotsho kwizizwe ekumbindi weAfrika. 

 Eyona nto ibaluleke ngayo imfuyo – ingakumbi imfuyo yamaNguni – uninzi lwabantu bayazi ikhuliswa isengamathole ikhuliselwa imicimbi ethile esezakwenziwa kwixesha elizayo.

Xa inkwenkwe isenzelwa isiko lokwaluka, ingena ebudodeni, utata wayo ukhetha inkabi okanye ithokazi elithile kwiminyaka emibini okanye emithathu ngaphambi kwalomcimbi,  ezakuxhelwa xa ibuya esuthwini. 

Ukuxhela okugqithisileyo kuqhelekile ngexesha likaDisemba, xa kubuye amagoduka asebenza kwamanye amaphondo, kuquka abavela eGoli,eThekwini, eKapa naseGqeberha. 

Kodwa kuloDisemba ukuzotsho kuJanywari bekubaxekile kukho imicimbi emininzi ngaxeshanye – imitshato, imigidi, imicimbi kunye neyakutsha nje yokubhiyozela ukonyuka kwezinga lempumelelo yebanga leshumi. 

Oluluntu luphila kwimeko yokubekelwa bucala, kweyonangingqi ihluphekayo kwilizwe loMzantsi Afrika, luyakwazi ukuxhela imfuyo engako kwiminyhadala yabo. 

Bazalwa bengabafuyi, nalapho imizi emininzi afana nosapho lwam ifuya amakhulu ebhokwe, iigusha kunye neenkomo ngenjongo zokuzitya. 

Okungenani umyinge ka30% wemfuyo kweli ufumaneka kwiphondo leMpuma kapa, ngelishwa oku kuzanengeniso encinci kakhulu kuluntu lwephondo.  

Ityala lingabekwa kurhulumente ukohluleka ukumilisela iindawo zorhwebo, ukuze abantu bokuhlala bakwazi ukufumana ingeniso noba incinane kangakanani kwimfuyo abanayo.  

Izikhumba ezihle zenkomo zohlobo lweNguni azenzi ngeniso. Akukho zinkqubo zorhwebo zimiliselweyo ukuze kuqokelelwe ubisi kubafuyi basekuhlaleni, ngako ke olubisi luba yilahleko. Nangona ubisi lwebhokwe nolwegusha lunezakhamzimba ezibalulekileyo ngokwempilo, akukhomntu uzikhathaza ngalo kuba akukho ndawo banokuluthengisa kuyo. Buboya begusha kuphela obuthathelwa ingqalelo kuba zikhona indawo zokubuthengisa kulommandla.  

Icebiso elibalulekileyo: Ukuba unokukhe umenywe kwiphondo leMpuma Kapa ukuba uze emcimbini, yiza nemela yakho kuba abantu balendawo ababolekisi ngemela xa kutyiwa inyama. 

Umfanekiso ongasentla: Imibhiyozo yokonyuka kwezinga lempumelelo yebenga leshumi kwiphondo leMpuma Kapa 

Imvelaphi yomfanekiso: NguZukile Majova