
Ziintatheli zikaScrolla
Abafundi bebanga leshumi, baphumelele emgqabini kodwa akukho siqinisekiso sokuba bazakwamkelwa kwiidyunivesithi zoMzantsi Afrika.
Amawaka abantwana abaphumelele ibanga leshumi bebenethwa ziimvula kwiinkampu ezohlukeneyo kwiDyunivesithi iWalter Sisulu kwiphondo leMpuma Kapa, ngelixa abanye bebenyamezele ingqatsini yelanga kwiphondo laKwaZulu-Natal.
Obu bubunzima obebufunyanwa ngabafundi bebanga leshumi bonyaka ka2022, njengoko besihla benyuka befuna indawo kumaziko emfundo ephakamileyo kwidyunivesithi kunye neekholeji zeli.
IDyunivesithi iWalter Sisulu ifumene izicelo ezingaphezu kwamakhulu amahlanu amawaka, kwizithuba ezingamawaka asixhenxe kuphela ekulindeleke ukuba zithathwe ngabantwana abaphumelele ibanga leshumi.
Ukanti ezinye iidyunivesithi, zizivalile iingcango zokwamkela “abo baze ngeziqu bezofaka izicelo zokufunda”.
IDyunivesithi yaseJohannesburg, ezakwamkela abafundi abaqalayo abalishumi lamawaka namakhulu amahlanu ithe, zonke izicelo zifakwa kusetyenziswa umnatha.
Oku kuqaqambisa intloko kumawaka abafundi bebanga leshumi abaphuma kwizikolo zikarhulumente, bengazange bafundiswa iKhomputha emva kweminyaka elushumi elinesibini yonke besesikolweni.
Ngabafundi bebanga leshumi, abangamakhulu amabini anamashumi asixhenxe anesibhozo abafumene iziphumo ezizakubangenisa kwizifundo zeBachelors degree programmes.
IDyunivesithi yasePitoli ixelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba ayizukwamkela zicelo zizakufakwa kamva kulonyaka.
“KuleDyunivesithi yasePitoli, sinazo inkqubo esizilandelayo ukuqubisana nexesha elifutshane elibangelwe kukuphuma kade kweziphumo zebanga leshumi,” utshilo uDrikus Delport usisithethi sale dyunivesithi.
“Zingaphezulu kwamashumi amane anesine amawaka ezicelo ezifunyenwe yiledyunivesithi kubafundi abazokwenza unyaka wabo wokuqala. Aba ngabafundi abayonelisayo imiqathango yokuqala yolwamkelo kuledyunivesithi.”
IDyunivesithi iCape Peninsula University of Technology ithe, isebenza ngendlela yokwamkela abafundi abafake izicelo kuqala, ebebezifake kunyaka ophelileyo.
“Izicelo zokufunda zakamva azikavulwa njengoko eliziko lisaphonononga abafundi ebebefake izicelo kwangexesha, ababe besalindele ukukhutshwa kweziphumo zabo. Emva kokuba iphelile yonke lenkqubo, sizakuyinika ingqwalasela into yokwamkela izicelo zamva kumacandelo angagcwelanga.”
IDyunivesithi iWalter Sisulu kwiphondo leMpuma Kapa, eyamkela izicelo ezininzi ezisuka kubantwana basemaphandleni abasuka kumakhaya ahlelelekileyo, ithi ilindele ukuba iziko lenkxaso mali yabafundi iNSFAS iqinisekise ukuba izakubahlawulela abafundi abajonge ukungena kuledyunivesithi.
“Ingxaki enkulu abajamelane nayo abafundi abenza unyaka wokuqala, nababuyelayo kukulibazisa kukaNSFAS ukuqinisekisa intlawulo. Uninzi lwabantwana bethu abakwazi kubhalisa, njengoko usazi ukuba umyinge wamashumi asixhenxe abafundi bethu baxhomekeke kwinkxaso mali kaNSFAS,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Afrika uYonela Tukwayo osisithethi sale dyunivesithi.
IDyunivesithi yaKwaZulu-Natal ifumene izicelo ezingaphezu kwamakhulu amathathu amawaka, kwizikhewu ezimgamawaka asibhozo namakhulu amahlanu abanazo.
Ngenxa yoku, ayibamkeli abafundi abaza ngesiqu bezocela indawo yokufunda.
IDurban University of Technology iyaqhuba nokubhalisa abafundi abaqhuba izifundo zepost-graduate.
Ukanti uBuhle Zuma osisithethi sedyunivesithi iWits Univesity of Technology uxelele amaqonga eendaba ukuba bafumene izicelo ezingaphezu kwekhulu lamawaka kwizithuba zabafundi abaqalayo ezingamawaka amathandathu kuphela.
NgoLwesibini umphathiswa wesebe lemfundo ephakamileyo noqeqesho uBlade Nzimande uthe, inkqubo yokubhalisa ezikolweni ngonyaka ka2023 iqale ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga yoMqungu, kwaye izakuvala ngomhla wamashumi amabini kwinyanga yoMdumba.
“Abantu abafuna ukuya kulamaziko mabangapholi. Ukuba upholile uzakuphoswa lithuba,” utshilo kwinkomfa noonondaba.
Umfanekiso ongasentla: Abafundi befole ngaphandle kwedyunivesithi yaseJohannesburg ngethemba lokufumana indawo
Imvelaphi yomfaneksio: Iphepha Ndaba iCity Press