
Ngu Linda Ximba
Abasakwazi kulinda abalandeli bemvumi ekwangu mRapper uSjava njengoko bebala iiyure ngaphambi lokuba kukhutshwe icwecwe elitsha lomculo lakhe elithi Isibuko.
Eli licwecwe lokuqala lalemvumi emva kokohlukana ngendlela engathandekiyo nenkampani yemveliso zomculo iAmbitious Records kwiminyaka emibini edlulileyo.
Le mvumi sele iphumelele iimbasa kwicandelo lomculo, egama layo linguJabulani Hadebe, yazivulela elayo iqonga lokushicilela umculo elibizwa nge1020 Cartel records kunyaka ophelileyo.
USjava usebenzisane noMfanafuthi “Ruff” Nkosi oyinjineli nomvelisi womculo waziwayo ukuvelisa icwecwelakhe, Isibuko.
Wadlula kwixesha lobunzima njengoko wayejamelene nezityholo zokudlwengula awayezityatryekwa ngulowo wayesaya kuba liqabane lakhe, oyimvumi uLady Zamar. Ezizityholo, waziphikayo zalibeka ichaphaza igamalakhe, njengoko wavalelwa ngaphandle ngamaqonga athengisa umculo.
Kwangeloxesha wohluthwa ukuchongwa kwakhe kwimbasa zeDStv Mzansi Viewers’ Choice, nalapho wayechongwe kwizigaba ezibini ngonyaka ka2020.
Ngenyanga yeNkanga ngonyaka ka2020, igunyabantu lezotshutshiso (iNPA) yabhengeza ukuba akazutshutshiswa ngezityholo zokudlwengula. INPA yathi akukho “bungqina bubambekayo” obunokukhokhelela ekubeni abanjwe kwaye abekwe ityala.
Kodwa emva kokudlula kulentlungu, nokuzikhulula kunxinzelelo, uSjava ukhangeleka esemandleni elungele ukwabelana nabalandelibakhe ngokuphangaleleyo kwelicwecwe lakhe lizakuphuma.
Ekugqibeleni, uSjava uthathise kwikhasi lika Instagram, ethetha ngecwecwe lakhe ekulindeleke ukuba uphume, njengoko epapashe umfanekiso wakhe ehlamba emlanjeni.
Ubhale wenjenje kwelikhasi, “Isikhathi sokuthatha amandla amasha, ukululama okusha kanye nokuzalwa komphefumulo kabusha.”
Icwecwe lakhe lokugqibela awalikhuphayo lisithi Umsebenzi ( Gold Deluxe) walikhupha ngenyanga yeDwarha ngonyaka ka2021.
Le mvumi ekwa ngumlinganiswa onesakhono, isibonakalisile isakhono sayo esimenzele abalandeli ngamaculo afana no “Umama”, “Inhliziyo”, “Linda”, “Umcebo”, “Egoli” namanye amaninzi.
Umfanekiso ongasentla: NguSjava
Imvelaphi yomfanekiso: Iphephandaba iSowetan