
Ngu Buziwe Nocuze
Isikhululo samapolisa eKapa sikulungele ukunceda uluntu – kodwa ngamaxesha athile.
Kutyholwa ngelithi sivala kuba sibaleka ukukhuthuzwa.
Omnye wabahlali owaye ndwendwele esisikhululo ngentseni malunga nentsimbi yesihlanu, zange akwazi ukungena kuba wafika ebethwa liqhaga.
“Ndazama ukuqhakamshelana namagosa, kodwa akuzange kubekho mntu uphendulayo,” utshilo uAmandla Mgojwana oxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.
“Ndaphinda ndaqhakamshelana nenkumanda yesisikhululo ndambuza ukuba kutheni kuvaliwe esikhululweni.”
Utyhola ngelithi inkumanda yamxelela ukuba bekufanele ucofe iqhosha – kodwa bekungekho qhosha likhoyo esangweni.
“Emva koko uye waqhakamshelana namapolisa awayesemsebenzini ukuba andivulele, kulapho ndaye ndakwazi ukuvulelwa ndingene,” utshilo uAmanda.
“Khawucinge nje ukuba ndandihlaselwa ngaphandle kwesikhululo samapolisa ngelixa kuvalwe isango.”
Uthe umehluko ubuzokubonakala ukuba amapolisa ebesebenza ngendlela efanelekileyo.
“Bekuzophela ukukhalaza ngamapolisa angawenziyo umsebenzi awo, kwaye bekungekho mntu ubezofuna ukulala emsebenzini okanye abonakalise indelelo kubahlali,” utshilo.
Itshantliziyo lasekuhlaleni uApostile Zongamenele Baliso uthi wafumana iingxelo ezininzi ngesisikhululo, wahamba waya kubuza ukuba kutheni sitshixwa.
“Bandixelela ukuba batshixa ngenxa yoloyiko njengoko izikhululo ezibangqongileyo zigqekezwa,” utshilo uBaliso.
Kodwa uthi ufumanise ukuba esona sizathu sokutshixwa kwesisikhululo kukuba amapolisa afuna ukulala. Emva koko ucele abahlali ukuba bathathe imifanekiso yamapolisa aleleyo emsebenzini.
“Maninzi kakhulu amabali akhoyo, kodwa akangonobangela wokuba kuvalwe isikhululo, kuba esisikhululo siyohluleka ukukhusela abahlali kwaye babathumela kwikomiti iLanga Safety Patrol,” utshilo.
Inkumanda yesisikhululo uColonel Tebogo Jacobs uthe esisikhululo sivalwa njengenxalenye yamanyathelo okukhusela amapolisa, kwaye oku akwenzeki kwaLanga kuphela.
“Indlela yokungena kwisikhululo kufuneka ithathelwe ingqalelo ingakumbi ebusuku. Amasango okhuseleko asetyenziswa ngesizathu, kwaye kukhona imigaqo ekufuneka ilandelwe kuzo zonke izikhululo,” utshilo uJacobs.
Noxa kunjalo, ugxininisile ukuba amasango okhuseleko, akufanelekanga asetyenziswe ngendlela ezokwenza abahlali bangakwazi kungena kwisikhululo.
“Enyanisweni, isikhululo samapolisa asivali; kukuba nje isango lokhuseleko liyavalwa ebusuku. Abahlali kufuneka bacofe iqhosha lokukhalisa intsimbi, amapolisa azakubavulela isango,” utshilo.
Umfanekiso ongasentla: isikhululo samapolisa iLanga
Imvelaphi yomfanekiso: Vukani News