Uvaliwe unomgogwana wesikolo!

Ngu Everson Luhanga

Isikolo esinetitshala enye, igumbi lokufunda elinye, umqulu wesikhokhelo semfundo omnye, abantwana bangamashumi amabini ananye kodwa abalingani ngeminyaka. 

Lo nomgogwana wesikolo sasePhomolong eTembisa, unabafundi abangamashumi amabini ananye abaphakathi kweminyaka emithandathu ukuyotsho kwelishumi elinesibini. Bebefika bephethe izitya ezinesidlo sasemini, bafunde ukusukela ekuseni ukuyotsho emalanga. 

Kukholeleka ukuba ababantwana bebefunda amabanga asukela kuGrade R ukuya kwibanga lesine, bebhatala imali elinganayo bonke, amakhulu amane anamashumi amahlanu eeRandi ngenyanga. 

Iqonga leendaba iScrolla.Africa lityelele esisikolo, lathetha notitshalakazi waso, uzibeke kwisihlalo senqununu yesikolo, uZamandulo Rejoice Nxumalo.

Xa ungena kweligumbi lokufundela, abantwana bohlulwe bangamaqela ngokweminyaka yabo, kwaye bohlulahlulwe ngezitulo zeplastiki ezohlule amabanga abawafundayo. 

Bonke baqala usukulwabo ngentsimbi yesibhozo baphume ngentsimbi yokuqala emini. 

“Ndasiqala esisikolo ngonyaka ka2020, emva kokufumanisa ukuba abantwana abaninzi babesonqena ukufunda ngexesha lokuqhambuka kweCovid-19,” itshilo inqununu uZamandulo. 

“Ndabathatha ndabasa kwindlu yokhuseleko, eyayisetyenziswa njenge Cawa, kuba ngelaxesha indibano zeenkonzo zazingavumelekanga.” 

UZamandulo uthe waqala enabantwana abane kodwa ngokuhamba kwexesha lonyuka inani Labantwana abahamba isikolo sakhe, lakhula elinani lafikelela kumashumi amabini ananye.

Kuthe xa kupheliswa inkqubo yokumiswa kwentshukumo zoluntu – lonyuka nangakumbi inani Labantwana abeza kwesisikolo!

“Emva kokuba abantu bephindele emisebenzini, abazali abaninzi bazisa abantwana babo kuba abanye kwakunyanzeleke ukuba mabaye emsebenzini.” 

Uthe abanye, yayingabantwana ebabengazange bafumane zikolo kwizikolo zikarhulumente, kwaye abazali babo babengenayo imali yokuhlawula izikolo zabucala ezibizayo. 

Kodwa ngoLwesibini, uNxumalo nabafundi bakhe, batyelewe ziindwendwe ebebengazilindelanga kwesisikolo, zisuka kwicandelo lokhuseleko kumasipala was’Ekurhuleni, iEkurhuleni Safety Ambassadors. Balunyukiswe malunga nesikolo esingabhaliswanga, esisebenza singaziwa nalelinye isebe kumasebe karhulumente. 

“Abanozakuzaku bebefuna inkcazelo kum ukuba kwenzeke njani ukuba ndiqhube isikolo esingekho mthethweni, ndingakhange ndivunyelwe nangabahlali. Bandicele ukuba ndivelise impepha ezindivumelayo ukuba ndiqhube isikolo, mpepha ezo ndingakhange ndibabonise kuba andinazo.”

“Bandicele ukuba ndikunqumamise ukufunda, njengoko kusezakuqhuba inkqubo yohlolo ekhokhelwe lisebe lezemfundo laseRhawutini.” utshilo. 

Uninzi lwabantu ekuhlaleni, bebengasazi esisikolo, kwade kwafika uhlolo, kwaye bebenomsindo ngenxa yokuba bathi abantwana bafumana imfundo engafanelekanga.  

UNxumalo uthe, kusuku emva kokuba kufike onozaku zaku bezokhuseleko, kwafika igquba labahlali eligaleleke kwisakhiwo sesisikolo, batshintsha amaqhaga bakhuphela ngaphandle nenqununu. Oku kube sisiphelo sesikolo sakhe ngeCawa. 

Umfanekiso ongasentla: Abantwana betitshwa kwisikolo seNqununu uZamandulo imakeshift