
Ngu Songeziwe Mapukata
Owasetyhini owanyamalala kwiminyaka engamashumi amathathu eyadlulayo, eshiya ikhaya lakhe ngeenjongo zokukhangela umsebenzi wasekhitshini, Ubuyile. Oku kuza emva kokuba usapho lwakhe langcwaba umzimba womntu ongaziwayo becinga ukuba ngowakhe.
UFlorence Nomvula Penyu osele ekhathazwa yimpilo udibene nosapho lwakhe kwakhona ngoMvulo emva kokuba efunyenwe ehlala eGonubie eMonti.
Kungoku nje lo mama unabantwana abathathu ubuyele ekhayeni lakhe kwilali yaseLujecweni eNgqeleni kwiphondo leMpuma Kapa.
Indawo yokuqala athe wayityelela ukufika kwakhe, lingcwaba ubekukholelwa ukuba lelakhe, apho usapho lwakhe langcwaba umzimba olwalukholelwa ukuba ngowakhe.
“Elingcwaba ayilolam. Zange ndasweleka,” utshilo kushicilelo lomboniso opapashwe litshantliziyo lamalungelo abantu basetyhini nabantwana, uPetros Ntshele Majola kwikhasi lakhe likaFacebook.
Ehleli kwilitye lengcwaba elibhalwe amagama akhe apheleleyo, wongeze ngelithi: “Yonke leminyaka bendiphila, ndihlala eMonti.”
UFlorence oneminyaka engamashumi amathandathu anesithathu, zange wabanesazisi kwaye zange wake wasebenza kubomi bakhe bonke.
“Ndandingabuyeli ekhaya kuba ndandingenayo imali njengoko ndingasebenzi, kodwa ngoku ndonwabile kuba ndibuyele ekhaya,” utshilo uNomvula.
Umzala wakhe uPoppy Penyu uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba bafumanisa kwiminyaka elishumi elinesibini eyadlulayo ukuba uNomvula wasweleka, okanye babecinga njalo.
Ulusapho lwangcwaba umzimba, kungokunje olungawaziyo ukuba ngokabani.
“Usapho lwathatha isigqibo sokuba lubhalele kwinkqubo kamabona kude uKhumbulekhaya kuba sasimkhangela singamazi ukuba uphi, kodwa kungekudala emva koko – safumana umnxeba ovela kulenkqubo isixelela ukuba sele kuphele unyaka umzimba wakhe uhleli kwisikhenkcezisi sikarhulumente ulindele ukungcwatywa.
“Xa sibuza ukuba bambone njani ukuba nguye, basixelela ukuba imizimba ibhalwa amagama omntu. Ukanti zange sikwazi nokuwubona umzimba wakhe kuba saxelelwa ukuba sele wonakele, thina samamela into esayixelelwa ngabo sathatha umzimba sangcwaba.”
Kodwa ngeCawa usapho lwafumana umyalezo othunyelwe kwikhasi lezonxibelelwano uFacebook, libaxelela ukuba uNomvula uyaphila.
Lomntu ubaxelele oku, wathumela imifanekiso kusapho lwakwa Penyu. Le mifanekiso yaboniswa bonke abantu bosapho, kwaye wonke umntu wavuma ukuba nguye. “Ngenene nguye,” utshilo uPoppy.
Bavuka ngentseni ngoMvulo baya eMonti, bazibonela ngamehlo inyaniso yokuba usaphila uNomvula.
UPoppy uthe uNomvula wathi akubona usapho lwakhe wakhwaza esithi, “Oh Thixo wam! Usapho lwam lufikile!” Uthe xa ebaleka esondela kubo, bakwhaza bebuza: “Nomvula nguwe ngenene?”
Xa ebuzwa lusapho lwakhe uNomvula ukuba kutheni engazange azame ukugoduka umzala wakhe uPoppy uthe: “UNomvula akaphenduli, uyazithulela nje,” exelela iqonga leendaba Scrolla.Africa.
UNomvula ebephila impilo engentlanga eMonti. Ebehlala nendoda ebimxhaphaza yonke leminyaka ingamashumu amathathu idlulileyo. Ukuxhatshazwa kwakhe kubangele ukuba impilo yakhe ibe ethe-ethe, ngokokutsho kwakhe.
Ngoku uNomvula unomnqweno omnye kuphela: ukuba kususwe elangcwaba lingaziwayo ukuba lelika bani ekhayeni lakhe.
Umfanekiso ongasentla: NguFlorence Nomvula Penyu
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaFacebook uPetros Ntshele Majola