
Ngu Razeen Gutta
Umdlali omtsha onekamva eliqaqambileyo kwibhola ekhatywayo uJakub Kiwior uthandana nentshatsheli yehlabathi kumdaniso woku twerka.
Uve kakuhle. Iqela likumantla eLondon alamkeli kuphela umdlali wangasemva wasePoland, kodwa nalo wasetyhini unikwe iwonga lokubizwa nge “The Queen of Twerk” uClaudia Kowalczyk.
Kwaye sele ekumgangatho oxhomileyo yena kuqala.
Emva kokuzimanya neqela leArsenal ethengwa ngemali efikele kwi£21 million (R420 million), lomdlali uneminyaka engamashumi amabini anesibini kulundeleke ukuba agaleleke kwisixeko selizwe lamaNgesi; kwaye iqabane lakhe lixelele abalandeli ukuba olutshintsho ululungele.
UKowalczyk, owaziwa ngegama elithi Redheaded, ungusaziwo kwiqonga lezonxibelelwano lika Instagram osele ephumelele iimbasa ezininzi ngomdaniso wokutwerka, odaniselwa umculo wohlobo lwebounce.
Losaziwayo uneminyaka engamashumi amathathu, waphumelela ukhuphiswano lwalomdaniso waba yiQueen of Twerking, owawubanjelwe eJamani ngonyaka ka2017, kwaye uneshishini lokuvelisa iimpahla, elithungela abadanisi iimpahla ezikudidi oluphezulu.
Ebonakalisa ulonwabo lwakhe ngokuba ngomye wabafazi namaqabane akutshanje kubadlali bePremier League WAGs, uKowalczyk upapashe umfanekiso wakhe kwikhasi lika Instagram ebhale “Ngilani, ndikulungele”.
“Ndiyabulela kuninonke ngemiyalezo yenu. Andinokwazi ukuphendula kuni nonke, kodwa ndiyabulela,” watsho efaka nomfanekiso wentliziyo ephendula abalandeli bakhe abangaphezu kwamashumi amathandathu amawaka.
UKiwior ongumdlali okuluhlu oluphambili wenza olutshintsho evela eSpezia eItaly, kwaye ufika emva kokubonakala edlala ngendlela encomekayo kwitumente yendebe yehlabathi yeFifa edlalela iPoland, njengoko lendebe ibibanjelwe eQatar kunyaka ophelileyo.
Umfanekiso ongasentla: NguJakub Kiwior neqabane lakhe uClaudia Kowalczyk
Imvelaphi yomfanekiso: @footballnews254